Umphathiswa wesebe lezolimo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe.
Image: Olwetu Batyi / ECDoA
ISebe lezoLimo eMpuma Koloni lisungule ngokusesikweni ixesha lokulima lika2025/26 elixabisa ikhulu lezigidi zeerandi (R100 million) kwilali yaseBhaziya, eMthatha ngoLwesine, umhla wama30 kweyeDwarha 2025.
Lo msitho ubukhokelwe nguMphathiswa wezoLimo kweli phondo uNonceba Kontsiwe ethe gqolo ukukhuthaza abantu abatsha ukuba bazibandakanye nezolimo.
"Silapha ukubonisa amafama ukuba xa athe aqala into isebe likhona ukubaxhasa kwaye sisebenzisa amafama amatsha abenze lukhulu, ukubonisa ukugqwesa [kweli candelo]. Kuyandivuyisa ukubona abafana namagqiyazana besebenza nzima kangaka," utshilo uKontsiwe.
Wongeze ngelithi kufuneka abantu abatsha bajonge ezolimo njengeyona nto iqhuba uqoqosho lweli phondo.
UKontsiwe ukwathethe ngenkolelo yokuba eli candelo lelabantu abangafundanga kuphela, ekwabongoza ulutsha ukuba luyeke ukulijongela phantsi kwaye ebalule ukuba iinkqubo zokufundisa zikhona ukunceda abasaqalayo ukuvelisa isivuno esisemgangathweni ukuze bafumane umvuzo ongcono.
Umphathiswa wesebe lezolimo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe ekunye nomnye wabanikazi beshishini lolutsha iJay Jay Farming ngaseMthatha ngethuba bekuphehlelelwa inkqubo yokulima kwiphondo exabisa iR100 million.
Image: Olwetu Batyi / ECDoA
Umfama osemtsha uSipho Joyi weJay Jay Farming, novelisa iinkozo nemifuno kwifama yakhe, uthe baneminyaka esixhenxe beqhuba. "Sidlule kwizinto ezinzima, kodwa saphakama saqhubeka. Namhlanje, siyakwazi ukubeka ukutya etafileni neentsapho zabo sibaqeshileyo," utshilo.
IJay Jay Farming kungoku nje iqeshe abasebenzi abasisigxina abalishumi elinesibini (12) kwaye malunga namashumi amahlanu (50) abasebenzi ngexesha lokutyala nokuvuna, ikwaqesha amasimi eluntwini.
Kweli xesha lonyaka, baceba ukutyala iihektare ezili130 zeembotyi zesoya ngenkxaso evela kwiLand Bank kunye nehlakani leSebe iUkhanyo Development Farmer kunye neehektare ezingama500 zombona ezixhaswa liSebe kunye neehektare ezimbini zeetapile ngentsebenziswano neSebe kunye nePotato SA.
UKontsiwe uncome iJay Jay Farming ngokungathembeli kuphela kwiSebe. "Abakhange bathembele kwiSebe kuphela, elibaxhasa kakhulu, koko bebejonge uncedo kumashishini abucala ukuze bafumane iingcebiso nezinye izibonelelo abazidingayo.
"Eyona nto iphambili kwiSebe kukulwa nokuphelisa intlupheko ngokupheleleyo kwaye amafama afana naba ayasinceda," utshilo uKontsiwe.
ISebe liqinisekise ukuba ixesha lokulima ehlotyeni lika2025/26 liza kugubungela malunga neehektare ezingama23 000, kuquka izityalo eziziinkozo, imifuno nezityalo ezilinywe ukondla imfuyo. Oku kongeza kwimpumelelo yesizini ka2024/25, apho iSebe lityale ngempumelelo iihektare ezingama22 584 zombona, livelisa ngaphezu kwe112 920 yeetoni zombona. Malunga ne90% yeehektare ekujoliswe kuzo zizinikele kwimveliso yokutya okuziinkozo, itshilo ingxelo.