Ezemidlalo

UMaMkhize ucela uxolo kubalandeli beBloemfontein Celtic

Malibongwe Mdletshe|Published

UShauwn “MaMkhize” Mkhize uxolisile kubalandeli beBloemfontein Celtic.

Image: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umnikazi weRoyal AM uShauwn "MaMkhize" Mkhize ongundabamlonyeni uxolise kubalandeli beBloemfontein Celtic ngokuchithwa kweqela eliyimbali lebhola ekhatywayo awalithenga ngo2021.

Ngo2021, uMaMkhize wathenga iqela elalizinze eBloemfontein, waze walithiya iRoyal AM walifudusela KwaZulu-Natal – eshiya abalandeli beSiwelele ababenenzondelelo bexhelekile kwaye bengenaqela.

Ngo2025 iRoyal AM yagxothwa kwiPremier Soccer League (PSL) phakathi kwesizini ka2024/25 ngenxa yokungadlali imidlalo yayo.

Kutshanje inkundla ephakamileyo yasePitoli igwebe ukuba iPSL kudala ivumelekile ukuba iyigxothe iRoyal AM nangaphambi kwesizini ephelileyo apho ibingakwazi ukudlala imidlalo yayo.

Kungenxa yokuba inkundla ifumanise ukuba iRoyal AM ibonelele ngeenkcukacha ezingachanekanga kwisicelo sayo sobulungu bePSL, kwaye yabandakanyeka kugqithiselo lwezabelo olungagunyaziswanga.

NgoMgqibelo, uMaMkhize ubhengezwe njengoMongameli omtsha weqela laseSwatini, iMbabane Highlanders.

Eli qela ngoku lizakwaziwa njengeMbabane Highlanders AM FC, kwaye imibala yalo yangaphambili emnyama namhlophe itshintshiwe yaba mnyama negolide.

UMaMkhize uvakalise umnqweno wokuhlonipha ilifa leli qela, elasekwa ngo1969, ngethuba exhuzula imikhala.

"Ndicinga ukuba iBloemfontein Celtic yatsala nzima ngenxa yeemeko ezinzima. Ndiyaxolisa ngokungazenzisiyo kubalandeli bayo ngokutshintsha igama, ngendenze ngcono. Ngendenze ngolu hlobo ndenza ngalo ngoku, njengoko ndizixelele ukuba andizukulitshintsha igama leqela elasekwa ngo1952," utshilo uMaMkhize kudliwanondlebe neSports Amplified kwiMetro FM.

"Xa ujonga iMbabane Highlanders, iqulunqwe ngendlela efanayo neBloemfontein Celtic. Iqela lineekomiti, imbali, kunye nabalandeli abaninzi. Ndibone kungafanelekanga ukuba ndophule iintliziyo zabo.

"Ndibeka into eza kundimela kunye nonyana wam, kodwa neza kuvumela abantu abathanda iMbabane Highlanders ukuba baqhubeke nokuyibona njengeqela abalaziyo."

UMaMkhize uqhube wathi akaboni unyana wakhe, uAndile, eqhubeka nokudlalela iHighlanders njengoko wenzayo kwiThwihli Thwahla, apho wayenxibe iskipa esingunombolo 10.

“UAndile ufuna ukungena kakhulu kulawulo lweqela ngoku. Naxa iRoyal AM yayisekhona, wayesele eqala ukugxila kwimiba yolawulo lweqela.

"Ndicinga ukuba eyona nto ebeyifuna kukudlala kwinqanaba eliphezulu, into ayenzileyo ngoku. Okwangoku, ndiyabona ukuba ukhetha ukuba yinxalenye yabaphathi beqela," utshilo uMaMkhize.

Kwisizini ephelileyo, iHighlanders igqibe kwindawo yesibhozo kwiMTN Premier League yaseSwazini.

Iinjongo zikaMkhize zokuthenga iHighlanders, nangona kunjalo, zisathandabuzeka ukuba ingaba uqhutywa luthando lokuhlala ebandakanyeka ebholeni okanye kukubonisa nje ukuxhathisa.