Ezemidlalo

Amakhosi aza kuvavanywa yiAsante Kotoko kwiToyota Cup

Pedro Mapelo|Published

IKaizer Chiefs iza kusebenzisa umdlalo weToyota Cup ukuzilola phambi kwesizini entsha.

Image: BackpagePix

Emva kokuchitha iiveki ezimbini eNetherlands, Amakhosi aza kuvavanywa emdlalweni ongempelaveki. Amakhosi amkela iAsante Kotoko Sporting Club emdlalweni weToyota Cup eza kube ubanjelwe eMoses Mabhida Stadium emalanga ngoMgqibelo. Oku kuza kwenzeka kanye iKaizer Chiefs inethutyana elifutshane ibuye eYurophu apho ibizilolonga khona phantsi kweliso elibukhali likaNasreddine Nabi ovakalise ukwaneliseka yinkqubela eyenziwe ngabadlali bakhe abadala nabatsha abadlale imidlalo yokucweya emihlanu.

Indebe yeTotoya inika ithuba elihle iChiefs lokuzilola phambi kokuqala kwemidlalo yeBetway Premiership ngomhla wethoba kwinyanga yeThupha. Uxinizelelo kwiChiefs luza kuqala kwiToyota Cup ngoba abalandeli balindele umdlalo obhetele kakhulu kunesizini eyivale ingaphandle kwiTop 8 okwesibini iisizini zilandelelana. Kwelinye icala, umdlalo oseThekwini uza kunika abadlali abatsha ithuba lokuzibonakalisa phambi kwezihlwele zabantu. Kulo unyaka, abaphathi beChiefs bakhethe iqela laseGhana eliphambili, iAsante Kotoko SC.

"Zininzi izinto ezincomekayo esibuye nazo emidlalweni yokucweya esiyidlale eNetherlands. Phakathi kwezinye, abadlali batsho bayiqonda indlela endifuna badlale ngayo futhi sikwazile ukwakha iqela elibumbeneyo," utshilo uNabi, oza kuqala isizini yesibini ephantsi koxinizelelo.

Njengokuba kukho ukungoneliseki ngenxa yendawo evale isizini ikuyo iChiefs, kodwa yena uzenzele umkhitha ngokuphumelela iNedbank Cup emva kwendlala yeminyaka elishumi nokubuyela kwiCAF Confederation Cup kwisizini entsha kulo nyaka.

"Sizilolonge kakuhle eHolland futhi sidlale namaqela asemgangathweni ophezulu. Bekunzima ngoba besidlala imidlalo emva kokuzilolonga kabini ngosuku olunye. Senze oku kuba besifuna abadlali bethu badlale bediniwe ngoba silungiselela isizini neCAF Confederation Cup. Enye yezinto ebezibalulekile kuthi kukuqinisekisa ukuba abadlali bethu bomelele ngokwasengqondweni. Ndonelisekile yindlela abadlali abadlale ngayo, ngakumbi abasakhulayo. Ndinethemba lokuhle njengokuba kusondela isizini," utshilo uNabi.