ABanyana Banyana babethwe yiNigeria ngo’2-1.
Image: BackpagePix
Izinto azikhange zihambe kakuhle kwiintshatsheli zelizwekazi aBanyana Banyana ngethuba bebethwa yiNigeria ngo’2-1 kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi weWomen’s Africa Cup of Nations (Wafcon) eMorocco ngoLwesibini ebusuku.
Umdlalo uye kwikhefu la maqela mabini ebambene ngo’1-1, iqela laseNigeria lifake igowuli eliqinisekisa ukuba bayaphumelela ngexesha lemizuzu eyongeziweyo kwisiqingatha sesibini. UMichelle Alozie ufake igowuli elophule iintliziyo zoMzantsi Afrika.
Kubekho ixesha elinzima ngasekupheleni komdlalo xa umdlali woMzantsi Afrika uGabriela Salgado ebebonakala ngathi wonzakele kakhulu. Abadlali bala maqela omabini bebebonakala benxunguphele emva kokubona ukwenzakala kukaSalgado.
Iqela likaDesiree Ellis ngoku liza kudlala neGhana ebethwe yiMorocco kwiipenela ngo’4-2 emva kokudlala ngokulingana ngo’1-1 kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi wesibini. UMzantsi Afrika uza kuqubisana neGhana kwakhona kule tumente, kweli ityeli udlalela indawo yesithathu.
ABanyana Banyana bayiqale itumente ngokubetha iGhana ngo’2-0 ekuqaleni kwale nyanga, baze emva koko babambana ngo’1-1 neTanzania, babetha iMali ngo’4-0 kwiveki ephelileyo ngoMvulo.
Kumdlalo wabo neSenegal, kuye kwafuneka iqela lisebenze ngokuzimisela. Umdlalo uphele ngo’0-0 emva kwexesha elongezelelweyo, nto leyo ethethe ukuba umdlalo uza kugqitywa ngokukhaba ezipalini. Kwiipenela, uAndile Dlamini woMzantsi Afrika ube ligorha emva kokuba ebambe iipenela ezimbini, eziqinisekise ukuba baphumelela ngo’4-1 badlulela kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi neNigeria.
Kwiminyaka emithathu edlulileyo, uMzantsi Afrika wayiphakamisa indebe yeWafcon okokuqala xa wabetha iMorocco – neyayibambe le tumente ngo’2022 – ngo’2-1 kumdlalo wokugqibela ePrince Moulay Abdellah Stadium eRabat.
Impumelelo yoMzantsi Afrika ngo2023 yeza emva kokuba eli qela liwe phantsi amatyeli aliqela. Babethwa kwimidlalo yokugqibela ngo2018, 2012, 2008 no2000. Ngo2016, 2014, 2010, 2006 no2002, babethwa kwinqanaba lwemidlalo elandulela owamagqibela kolu khuphiswano.
Nangona bengaphumelelanga, izinga loMzantsi Afrika kwibhola ekhatywayo yabasetyhini kwihlabathi liyaqhubekeka ukukhula emva kweminyaka emininzi encomekayo. KwiNdebe yeHlabathi yabaseTyhini ka2023 eyayiseAustralia naseNew Zealand, ifikelele kumanqanaba eknockout kule tumente, nto leyo aBafana Bafana bengekayiphumezi.