Ezemidlalo

Abadlali abasakhulayo bakulungele ukunceda iSundowns ikhusele indebe

Mihlali Baleka|Published

Ukubuyela kukaSiyabonga Mabena ebaleni kongeza umfutha kwiMamelodi Sundowns.

Image: Samuel Shivambu/BackpagePix

USiyabonga Mabena nabanye abadlali abatsha akulindelekanga ukuba bathwale iMamelodi Sundowns kule sizini, nangona kufuneka bazame ukuphumelela yonke imidlalo abayidlalayo.

UMabena ubuyele ebaleni kwakhona ngethuba edlala kumdlalo weMTN8 neRichards Bay ngeCawe egqithileyo, kulandela ukwenzakala ixesha elide okwamenza ukuba angadlali.

Lo mdlali, 18, uzibonakalisile xa ebethelela isikhonkwane sokugqibela ebhokisini, enceda iSundowns ibetha iRichards Bay ngo’4-0 ukuya kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi, apho iza kuqubisana neOrlando Pirates.

Ukubuya kukaMabena kothe inkolelo kubalandeli baMasandawana ukuba ekugqibeleni uyakufikelela kwisakhono sakhe kule sizini.

Ngapha koko, ukwenzakala kwakhe akumenzanga aphose iU20 AFCON kuphela – nephumelelwe ngaMajita – kodwa kwamenza angakwazi ukuthatha inxaxheba kwiFIFA Club World Cup ebibanjelwe eMelika kwinyanga ephelileyo

UKutlwano Letlhaku, 19, yena ugqame kwezi tumente zombini, ehlahl’ indlela kwabanye abadlali abasakhulayo kweli qela.

Umqeqeshi weSundowns, uMiguel Cardoso, uthe akulindelekanga ukuba abadlali abasebatsha bathwale egxalabeni eli qela, kuba basakhula kancinci kancinci.

"Siqale ukusebenza naba badlali bancinci kunyaka ophelileyo, kodwa uMabena wayonzakele," utshilo uCardoso ngethuba kusungulwa iBetway Premiership kule veki. "ULetlhaku ebenathi.

"Yindlela ebesisenza ngayo izinto – silandela iinkqubo esikholelwa ukuba zilungile ukuphuhlisa ulutsha, nokubafundisa izinto abazidingayo kwinqanaba eliphezulu.

"Ezi zizinto ababengenazo kwiDiski okanye kwinqanaba lolutsha ukuze baphumelele. Njengoko inqanaba linyuka, kufuneka baphuhlise izakhono ezongezelelweyo.

"Sizama ukubaphucula, kodwa kuyacaca ukuba mkhulu umsebenzi owenziwe ngabaqeqeshi abebesebenza nabo ngaphambili.

"Imingeni mikhulu ngoku. Amaxesha ngamaxesha, akufuneki silindele ukuba bathwale uxanduva lweqela elifana neSundowns, nangona silindele ukuba baphumelele."

UMabena noLetlhaku kulindeleke ukuba bafake isandla ekukhuseleni indebe yeSundowns kule sizini, ukuqala kumdlalo wabo wokuvula neChippa United eGqeberha ngoMgqibelo (3pm).

Lo mdlalo uza kufuna ukuba uMabena nabanye babekwizinga eliphezulu, njengoko beza kuqubisana noSinethemba Badela – oqeqeshe uninzi lwabo kwiqela lamalalela leSundowns.