Ezemidlalo

UBadela uwamkele ngovuyo umsebenzi onzima ajongene nawo kwiChippa United

Pedro Mapelo|Published

USinethemba Badela uthembisa ngokusebenza ngokuzimisela kwisizini yakhe yokuqala kwiChippa United.

Image: Chippa United

Uvakalise uchulumanco uSinethemba Badela oza kuqeqesha iChippa United kwisizini entsha. Le ndedeba yaseSterkspruit inikwe uxanduva lokuqeqesha iChippa United kwiinyanga ezidlulileyo nguMnu. Siviwe Mpengesi.

Ngumsebenzi wakhe wokuqala njengomqeqeshi oyintloko weqela elidlala kwiPremier Soccer League lo akuwo. Ethetha neentatheli emcimbini wokuphehlelela isiqendu esitsha seBetway Premiership ekuqaleni kwale veki, uBadela uthe uyawamkela umsebenzi onzima ajongene nawo.

Unikwe umsebenzi emva kokusebenza noRulani Mokwena obekhe waqeqesha iWydad Casablanca yaseMorocco kwisizini egqithileyo. Isakhono sakhe sokuqeqesha siza kuvavanywa xa iChippa United idibana neMamelodi Sundowns emdlalweni weBetway Premiershi oza kube useNelson Mandela Bay Stadium emalanga ngoMgqibelo.

"Ngumsebenzi omkhulu lo endinawo futhi uyandichulumancisa. Ukunikwa iqela ekuphela kwalo elidlala kwiPSL kwiphondo leMpuma Koloni yinto enkulu kum," utshilo uBadela ngokutsho kweSoccer Laduma.

Ukuqeqesha iChippa United ngumsebenzi onzimele abantu abaninzi ngoba umnikazi wayo uyagxotha xa iziphumo zingancumisi. Ngaphezulu koko, wonke umntu ulindele iChippa ebhetele kunevale isizini ikwindawo yeshumi kwiBetway Premiership.

UBadela uvumile ukuba lukhona uxinizelelo - kodwa uza kufunda esemsebenzini njengabanye phambi kwakhe. Nangona iGqeberha iyithathele kuyo yonke imidlalo emikhulu, emininzi iza kudlalelwa eBuffalo City Stadium, eMonti, njengesiqhelo.

"Uxinizelelo luhlala lukhona. Kunyanzelekile sizame ngako konke okusemandleni wethu. Ndiza kufunda Ndibe ndisebenzela ukufumana amanqaku ecaleni. Kubalulekile ukuqokelela amanqaku ukuze sikwazi ukukhula njengeqela," utshilo uBadela phambi kokuqhayisa ngomsebenzi awenze noRulani Mokwena kwisizini egqithileyo.

IChippa United yamkele abadlali abatsha kule veki abaquka uGoodman Mosele, Azola Tshobeni, Elson Sithole, uThamsanqa Magwaza, uKhaya Mfecane noThulani Mini.