Ezemidlalo

AmaZulu abethe abatshakazi ahlala phezulu kwiBetway Premiership

Pedro Mapelo|Published

AmaZulu athe ngcu phezulu kwiBetway Premiership emva kokubetha i'Orbit College emdlalweni wanamhlanje ePrincess Magogo Stadium.

Image: AmaZulu/Facebook

Ancumile AmaZulu emva kokufumana amanqaku amathathu emdlalweni wanamhlanje. Oku kulandela ukubetha kwawo i'Orbit College ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePrincess Magogo Stadium ngenjikalanga yanamhlanje.

Igowuli aphumelele ngalo AmaZulu lifakwe nguTebogo Mashilo emzuzwini wamashumi amabini anane kwisigaba sokuqala. Kude kwaphela ixesha lomdlalo abatshakazi beBetway Premiership bengakwazanga ukufumana igowuli lokulinganisa emdlalweni wabo wokuqala.

AmaZulu aza kudibana neSundowns kwiveki ezayo ekhuthazekile. Kanti yona iMarumo Gallants yothuse umzi ngokubethela kowayo iRichards Bay ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obuseKing Zwelithini Stadium namhlanje emalanga.

Emva kokukhubethwa kwiMTN8, bekukho ithemba lokuba iRichards Bay ukuze iphephe okwenzeke kuyo kwisizini egqithileyo. Amanqaku amathathu ziindaba ezimnandi kwiMarumo Gallants etsale nzima kakhulu kwisizini egqithileyo.

Kwidabi laseLimpopo akubangakho eliphumelelayo phakathi kwePolokwane City neMagesi FC. Ziziphu ezihle kuwo omabini amaqela aseLimpopo ngoba ibingumdlalo wokuqala. Komnye umdlalo odlalelwe namhlanje, iChippa United yamkele inqaku elinye emva kokuba idlale ntanganye neMamelodi Sundowns ngegowuli eNelson Mandela Bay Stadium.

Amasandawana aza kuya emdlalweni ongoLwesibini weveki ezayo ephantsi koxinizelelo kancinci ngenxa yokungakwazi ukubetha iChippa nangona ebekhona amathuba emdlalweni.