Ezemidlalo

iChippa United yalile ukubethelwa ekhaya yiSundowns namhlanje emalanga

Pedro Mapelo|Published

iChippa United idlale ntanganye neMamelodi Sundowns emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eGqeberha namhlanje.

Image: Maya Images

Umqeqeshi weChippa United, uSinethemba Badela uza kulala ubuthongo obumnandi namhlanje emva kokuba iqela lakhe lifumene inqaku elibalulekileyo. Oku kulandela emva kokuba iChippa United ibambene ngegowuli elinye macala neMamelodi Sundowns emdlalweni weBetway Premiership obushushu eNelson Mandela Bay Stadium namhlanje emalanga.

Inqaku elifunyenwe yiChippa iza kulivuyela kakhulu ngoba liza kukhuthaza abadlali abebekhangela isiqalo sesizini esihle, ngakumbi bedlala neqela elifana neSundowns. Njengoko bekulindelekile, iSundowns iwulawule umdlalo.

Bekucacile ukuba iChippa ayifuni kufakwe igowuli kwangoko kuyo. UTashreeq Mathews, Iqraam Rayners noArthur Sales bebeyinkathazo enkulu kubadlali beChippa abadlala emva. Bakwazile ukuxhathisa umzuzwana - kodwa uSales uye wafumana igowuli emzuzwini wamashumi amathathu ananye.

Khange batyhafe abadlali beChippa noxa bekunzima ukugqitha kuGrant Kekana nakuMosa Lebusa. Amathuba okubhalisa ebhodini, ngabadlali beChippa abangakwazanga ukuwasebenzisa kakuhle. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns ihamba phambili futhi kubonakala ukuba ingalifumana elinye igowuli.

Izinto ziye zaguquka kwisigaba sesibini. Emva kokuba enze iinguqu uBadela, kubekho ukutshintsha okubonakalayo kwiChippa United. UKhaya Mfecane ofikayo ufake igowuli lokulinganisa kwisigaba sesibini somdlalo.

Oku kwenzeke emva kwebhola ezanywe nguGiovanni Philander obehlasela. Ukungaphumeleli kweSundowns umdlalo wokuqala kubeka uxinizelelo kuyo ngoba amathuba okuphumelela ebekhona emdlalweni.