Ezemidlalo

iSekhukhune United iquthise iPirates emdlalweni weBetway Premiership!

Pedro Mapelo|Published

Igoduke namanqaku amaathathu iSekhukhune united ebethe i'Orlando Pirates emdlalweni weBetway Premiership namhlanje eSoweto.

Image: Facebook

Ishiyeke intywizisa i'Orlando Pirates emva kokuyiqala kakubi iBetway Premiership. Oku kulandela ukubethwa kwayo yiSekhukhune United eyiquthise ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obushushu e'Orlando Stadium namhlanje ngorhatya.

Omabini amaqela aye emdlalweni ezimisele ukulwela amanqaku amathathu ukuze afumane amandla okuya emdlalweni olandelayo. Indlela umdlalo oqale ngayo kwisigaba sokuqala somdlalo ucacise mhlophe ukuba omabini amaqela adlalela ukuphumelela.

Ukudlala kakuhle kwawo kwenziwe lifuthe lokuphumelela kwawo amaqela kwiveki ephelileyo kwiMTN8. Ezimnyama zibethe zibethe iPolokwane City ngamagowuli amabini. Kanti yona iSekhukhune United iguqise phantsi iTS Galaxy ngamagowuli amathathu kwamabini.

IPirates iwafumene amathuba kwimizuzu yokuqala - kodwa ayikwazanga ukufumana igowuli emva kokuba uDaniel Cardoso ephantse wagwaza Umkhonto ekhaya. Ukuya kwixesha lokuphuma ebhalisile ebhodini bekubalulekile kuwo omabini amaqela eSoweto.

Ngethamsanqa lazo iindwendwe, zikwazile ukufumana igowuli elifakwe nguSiphesihle Mkhize kwisigaba sokuqala. Abadlali basemva bePirates boyiswe kukuchitha ibhola ebivalwe nguSipho Chaine ongakwazanga ukuyinqanda ibhola ekhatywe nguMkhize.

Igowuli liyinike amandla iSekhukhune kwisigaba sesibini ebesinzima. Kwakhona iPirates ihlasele macala onke idala amathuba. Kodwa akubangakho gowuli elifumanayo nakwiikona ezilithoba ezifumeneyo emdlalweni. Ukubethwa kwayo iPirates Kubeka uxinizelelo kuyo njengokuba iza kudlala neSundowns kwiMTN8 kwiveki ezayo.