Ezemidlalo

Amakhosi agxeleshe ukunyathela iPolokwane City emdlalweni wesibini!

Pedro Mapelo|Published

Abadlali beKaizer Chiefs bevuyela igowuli elifakwe nguGlody Lilopo emdlalweni weBetway Premiership izolo eKapa.

Image: Bhekizizwe Radebe

Kugquba umoya omhle enkampini yeKaizer Chiefs emva kokuvula isizini ngendlela encumisayo. Emva kokubetha iStellenbosch FC ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership, iChiefs ithe ngcu kwindawo yesibini ezantsi kweSiwelele FC ebethe iGolden Arrows ngamagowuli amathathu kwelinye ngempelaveki eDr Molemela Stadium.

Amanqaku amathathu anike iChiefs inkuthazo epheleleyo njengokuba ilungiselela ukudibana nePolokwane City emdlalweni oza kubanjelwa eFNB Stadium ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngomso. UKhalil Ben Youssef, obebambele uNasreddine Nabi obuyele eTunisia ngenxa yokonzakala komfazi wakhe, ubancomile abadlali bakhe emva komdlalo.

"Besiwathembisile Amakhosi ukuba siza kuphumelela umdlalo egameni lomqeqeshi nomfazi wakhe. Sithandazela ukuphila kwakhe ngokukhawuleza," utshilo uBen Youssef echwayitile emva komsebenzi omhle owenzie eKapa. Nangona iStellenbosch FC ibibhokile kowayo - kodwa ibekwe endaweni yayo yiChiefs encedwe ngamagowuli afakwe nguNkosingiphile Ngcobo noGlody Lilepo.

"Siziqhenya kakhulu ngomsebenzi owenziwe ngabadlali bethu. Badlale kakuhle kakhulu emdlalweni wanamhlanje. Kubekhona ukusilela emdlalweni wethu emva kokuba sifumene igowuli kwisigaba sokuqala somdlalo. Sibenethamsanqa ngoba akufakwanga gowuli kuthi.

"Kwisigaba sesibini, sibone ukuba masenze iinguqu. Siyavuya ngoba bonke abadlali bethu benze umsebenzi omhle. Kumnandi kuthi ngoba siphumelele - kodwa ngaphezulu koko, kuhle ukubona abalandeli bethu becwayitile. Ngoku siza kucinga ngePolokwane City kakuhle," utshilo uBen Youssef othe iChiefs iza kudlala bhetele kule isizini.

Ukuba iChiefs ingayibetha iPolokwane, ingayinto enkulu kuyo ngoba ingaphakamisa ukuzithemba kwabadlali abavavanyiweyo izolo yiStellenbosch ehlasele macala onke - kodwa ayabhaqala nto.

IPolokwane City ingakuvuyela ukusokolisa okanye iyibethe iChiefs engazuvuma ukuphoxa abalandeli bayo emva kokuyiqala kakuhle isizini yeBetway Premiership. Umdlali omtsha odlalisiweyo nguThabiso Monyane kuphela, kungenzeka kufakwe abanye emdlalweni olandelayo nokuba yimizuzu embalwa.