Ezemidlalo

Isendleleni iChippa United enamazinyo abukhali, utsho uSinethemba Badela

Pedro Mapelo|Published

USinethemba Badela uthi wonelisekile ngumsebenzi owenziwe yiChippa United kodwa ayikafiki kwindawo ayifunayo.

Image: Yanga Nothanga/Maya Images

Ukhuthazekile umqeqeshi emva kokudlala kakuhle kweChippa United - kodwa nangona kunjalo, uthi isakhiwa. Oku kuvakaliswe nguSinethemba Badela emva kokuba iChippa United yakhe ibambene ngegowuli elinye macala neMamelodi Sundowns emdlalweni weBetway Premiership obuseNelson Mandela Bay Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.

Emva kwegowuli elifakwe nguArthur Sales kwisigaba sokuqala somdlalo, yona iChippa United incedwe ligowuli elifakwe nguKhaya Mfecane kwisigaba sesibini somdlalo. UBadela ebesazi ukuba abadlali bakhe ngeke bakwazi ukumelana neSundowns emdlalweni.

Into eyenze kakuhle iChippa kukuvala emva. Ebekhona amathuba - kodwa iSundowns ayikwazanga ukufumana igowuli lempumelelo. Ilivuyele inqaku elinye iChippa ngoba ineminyaka isenziwa igubu yiSundowns emidlalweni yeBetway Premiership.

"Isizini ngeke ibe yinto Elula. Ukudlala ntanganye neSundowns kufana nempumelelo ngoba isibethe kasixhenxe ngaphambili - kodwa mna andonelanga ngoba asikafiki kwindawo esiyifunayo," utshilo uBadela emva komdlalo.

"Abadlali bethu badlale ngendlela ebesicwangcise ngayo. Wonke umntu uyazi ukuba iSundowns liqela eliphezulu. Kodwa ke abadlali bethu benze umsebenzi omhle ngoba khange bazifake phantsi koxinizelelo.

Yile nto esifuna ukuyibona kwiChippa noxa singekafiki kwindawo esiyifunayo. Sisajonge ukufumana abadlali abanokusinceda sidlale ngcono. Ukuba singakwazi ukufamana amaphephamvume abadlali esibalindileyo, niza kubona iChippa United eyahlukileyo. Kodwa emva sidlale kakuhle kakhulu," utshilo umqeqeshi.

Emva kokuzuza inqaku emdlalweni wakhe wokuqala kwinqanaba eliphezulu njengomqeqeshi, ngoku uSinethemba uza kulwela ukuba iChippa ifumane amanqaku apheleleyo xa idibana neDurban City emdlalweni weBetway Premiership ongorhatya ngomso eChatsworth Stadium.

Kulindeleke ukumdlalo onzima ngoba iDurban City izithembile emva kokubetha iTS Galaxy ngo'2-0 izolo.