iMamelodi Sundowns igoduke iphoxekile emva kokugolozelwa yiChippa United emdlalweni obuseGqeberha.
Image: Yanga Nothanga/Maya Images
Emva kokungafumani amanqaku apheleleyo emdlalweni obuseGqeberha, umqeqeshi weMamelodi Sundowns uyiqhwabele izandla indlela edlale ngayo iChippa United.
UMiguel Cardoso akakwazanga ukufihla ukuphoxeka kwakhe emva kokuba iSundowns ibambene neChippa ngegowuli elinye macala emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.
Ibuyele ekhaya iSundowns igoqoza nenqaku elinye engxoweni nangona uAuthur Sales efake igowuli kuqala kwisigaba sokuqala. Njengesiqhelo, iSundowns lelona qela ebilinamandla kakhulu emdlalweni. Amathuba okufaka amagowuli ebekhona emdlalweni macala.
Ukungabikho kwabadlali abafana noKhuliso Mudau, uPeter Shalulile noLucas Ribeiro kuye kwabonakala kwiSundowns ekuthiwe ibingenalo ulwamvila ngumqeqeshi wayo. Ukoyiswa kukubetha iChippa yinto eyothuse abantu abaninzi ngoba iSundowns iyiphumelele yomithandathu imidlalo egqithileyo.
Into engaqhelekanga, u-Iqraam Rayners uye wabotshwa phambili noSales. "Siza kuhlala phantsi siqwalasele izinto esingazenzanga kakuhle. Ndingumntu okuthandayo ukudlala ngeefolosi ezimbini ebaleni - kodwa emva kokukhupha uSales, indlela esidlale ngayo iye yaguquka," utshilo uCardoso.
"Kubalulekile ukusebenzisa abadlali bethu ngobulumko futhi ndizimisele ukubaqhuba basinike iziphumo ezihle," utshilo uCardoso obengonwabanga ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo eGqeberha. "Masiyincome indlela edlale ngayo iChippa United. Abadlali bayo emva badlale ngendlela encumisayo basivimba namathuba ebenokusinika amagowuli," utshilo umqeqeshi.
Ukungaphumeleli umdlalo wokuqala kubeka uxinizelelo kwiMamelodi Sundowns eza kwamkela AmaZulu emdlalweni weBetway Premiership wesibini ngomso eLoftus Stadium. Kunyanzelekile iSundowns iwabethe AmaZulu ukuze kufunquke ukuzithemba nasebadlalini bakhe.
Emva komdlalo ongomso, iSundowns kufuneka ilungiselele ukudibana ne'Orlando Pirates emdlalweni weMTN8 obalulekileyo. AmaZulu aza kuntingela ePitoli ekhuthazekile emva kokubetha i'Orbit College emdlalweni wawo wokuqala weBetway Premiership.