Ezemidlalo

Umqeqeshi ufuna iPirates ukhuphele umsindo kwiMarumo Gallants

Pedro Mapelo|Published

USihle Nduli we'Orlando Pirates noBradley Gobbler weSekhukhune United emdlalweni weBetway Premiership.

Image: Itumeleng English

Emva kokuphulukana nomdlalo wokuqala wesizini entsha, uAbdeslam Ouaddou uthi iqela lakhe kufuneka lidlale ngcono emdlalweni olandelayo. Oku ukuthethe emva kokuba i'Orlando Pirates ibethwe yiSekhukhune United ngegowuli elinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe e'Orlando Stadium ngorhatya langoMgqibelo odlulileyo.

Ukubethwa emdlalweni wokuqala kubashiye bephoxekile abalandeli bePirates ekulindeleke izame ukubhukuqa iMamelodi Sundowns eziintshatsheli ezikhuselayo zeBetway Premiership. Nangona iPirates ibiyeyona enamandla emdlalweni - kodwa ayikwazanga ukufumana igowuli lokulinganisa elifakwe nguSiphesihle Mkhize kwisigaba sesibini.

Oku kwenzeke kukho ithemba leziphumo ezihle emva kokuba iPirates ibethe iPolokwane City ngamagowuli amabini emdlalweni weMTN8. Umqeqeshi uvumile ukuba iqela lakhe aliqhubanga kakuhle - kodwa wavakalisa ithemba ngenxa yezinto ezithile ezenzeke emdlalweni.

"Ngelihlwa asiyiqalanga ngendlela ebesifuna ngayo isizini. Kodwa sidlale bhetele emva kokufakwa kwegowuli," utshilo uOuaddou emva komdlalo. "Nangona singaphumelelanga, zikhona izinto ezinika emdla ezenzeke emdlalweni," utshilo umqeqeshi owongeze ngokubalula izinto ekufanele iPirates izenze ngcono emdlalweni olandelayo.

Iza kudibana neMarumo Gallants emdlalweni wesibini ngoLwesibini ngorhatya eDr Molemela Stadium. Ngumdlalo afuna ukuwuphumelela uAbdeslam Ouddaou ngoba ebengumqeqeshi wayo iMarumo Gallants kwisizini egqithileyo. Ngeke ihambe lula iPirates xa idibana neMarumo Gallants ekhuthazwe kukubetha iRichards Bay ngo'2-1.

"Ebholeni kufuneka uwasebenzise amathuba ebhokisini ngoba ukuba awenzi njalo, uza kohlwaywa. Ndibaxelele abadlali ukuba kufuneka badlale ibhola ebalekayo emdlalweni olandelayo," utshilo uOuddaou othe isizini iza kuba nzima emva kokuba iMamelodi Sundowns ibambene neChippa United ngegowuli elinye macala eNelson Mandela Bay Stadium.

Emva komdlalo ongoLwesibini, iPirates iza kulungiselela ukudibana neSundowns emdlalweni weMTN8 wokuqala.