Ezemidlalo

UGavin Hunt izingomba isifuba ngomsebenzi owenziwe yiDurban City

Pedro Mapelo|Published

iDurban City iphakathi kwamaqela ahleli phezulu kwiBetway Premiership emva kokuphumelela imidlalo emibini yokuqala kwisizini entsha.

Image: Durban City/Facebook

Emva kokuphumelela imidlalo emibini yeBetway Premiership, umqeqeshi uthi uchwayitile yindlela abaqhube ngayo abadlali beDurban City.

UGavin Hunt uvakalise uvuyo analo emva kokuba iqela lakhe libethe iChippa United ngegowuli elinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eChatsworth Stadium kubusuku bangoLwesithathu wale veki.

Okumchwayitise ngakumbi umqeqeshi kukuba iDurban City ivule isizini ngendlela encomekayo ngokubetha iTS Galaxy ngamagowuli amabini eqandeni eMpumalanga kwiveki ephelileyo. Abantu abaninzi bebelindele ukusiqalo esidikidiki seDurban City kuba isuka kwiMotsepe Foundation Championship futhi nangenxa yeenguqu ezininzi ezenzileyo.

Emva kwegowuli elifakwe nguJoslin Kamatuka kwisigaba sokugqibela emdlalweni wokugqibela, uHunt ubaqhwabele izandla abadlali bakhe. Ubalule indawo enye njengeyona awagqiba kwelokuba afake amandla wakhe kuyo.

"Ekufikeni kwam, ndathi mandizame ukuqinisa indlela esidlala ngayo emva. Kuphele iiveki ezintathu sizama lo nto," utshilo uHunt emva komdlalo ogqithileyo.

"Asizukudlala namaqela asemgangathweni ongaphezulu kowethu ngamaxesha onke - kodwa sicinga ukuba singakwazi ukuthintela ukungafakwa kwamagowuli emidlalweni yethi, sakube siwucuthile umsebenzi wethu.

"Emidlalweni emibini esiyidlalileyo, sikwazile ukudala amathuba amaninzi - kodwa kusekhona ukuqhwalela. Siyavala, nangeyiphi indlela. Akululanga ukuphumela kule midlalo. Phambi kwethi kukroze imidlalo enzima ekufuneka sizilwele kuyo," utshilo uHunt ofuna iqela lakhe liqokelele amanqaku isizini isaqala.

Into ebangela imidlalo ixinane kukuba kukho imidlalo emininzi yeendebe neAfrica Cup of Nations eza kube iseMorocco ekuthambekeni kwalo nyaka. Inkqubo yePSL iza kunqunyanyiswa ngenxa yeAFCON. "Sineesizini ezimbini ngenxa yeAFCON. Siza kuphumla iinyanga ezintandathu zonke. Kodwa ke kudala ndikuyo le nto.

"Ndiyayithanda imidlalo emithathu evekini enye. Kuhle ngoba siyaphumelela - kodwa siza kubona ukuba siqubisana njani nemidlalo mhla sabethwa. Kuhle ukusebenza nabantu esinabo eqeleni ngoba bazimisele ukundinceda nam," utshilo uHunt. Emdlalweni olandelayo, iDurban City iza kuthathana neGolden Arrowns ngoLwesibini weveki ezayo.