Ukuzithemba kuphezulu kwiMarumo Gallants ehleli phezulu kwiBetway Premiership emva kokuphumelela imidlalo emibini.
Image: MG/Facebook
Kufunqukile ukuzithemba enkampini yeMarumo Gallants emva kokuvula isizini kakuhle. Oku kucace gca ngethuba uAlexandre Lafitte ethetha neentatheli emva kokuba iMarumo Gallants yakhe ibethe i'Orlando Pirates ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eDr Molemela Stadium ekuqaleni kwale veki.
Kanti phambi koko, iMarumo Gallants ibuye umsila uphezulu KwaZulu-Natal - apho ibethe khona iRichards Bay emdlalweni wokuqala phantsi komqeqeshi omtsha. Amagowuli ebethe ngawo iPirates afakwe nguDaniel Msendami noJaisen Clifford.
Kanti ebike ngalo ekhaya iPirates lifakwe nguPatrick Maswanganyi. Ukuphumelela imidlalo emibini kuyithathe iMarumo Gallants kwayibeka enkcochoyini yeBetway Premiership ngamanqaku amathandathu.
"Ndiyakuvuyela ukuba ngumqeqeshi weMarumo Gallants osebenza phantsi kukaMongameli Abram Sello. Injongo yethu kukuphuncula indlela iqela eliqhuba ngayo futhi siyakholwa ukuba ekuhambeni kwexesha singaziphumelela iindebe," utshilo uLafitte emva komdlalo.
Njengokuba ixesha lokuthenga abadlali, kulindeleke ukuba iMarumo Gallants yongeza abadlali nayo. "Kungenzeka songeze abadlali ababini okanye abathathu phambi kokuba kuvalwe. Sinabadlali abasuka ngaphandle abezayo nefolosi enye.
Kokwesibini sifumana igowuli kwixesha likasompempe. Lo nto icacisa indlela esenza ngayo izinto. Siyiqale kakuhle nyhani isizini. Ndonwabe kakuhle yindlela esiphumelele ngayo. Umdlalo ubunzima ngoba sonke siyayazi iPirates isemgangathweni ophezulu," utshilo umqeqeshi.
Ngoku iMarumo Gallants iza kulwela ukuhlala phezulu xa isamkela AmaZulu emdlalweni weBetway Premiership oza kube ungoLwesithathu weveki ezayo.