Ezemidlalo

UCardoso akafuni ukuqhathwa kokwenzeke kwiPirates emidlalweni edlulileyo

Pedro Mapelo|Published

UMiguel Cardoso ethetha neentatheli phambi komdlalo omkhulu weMTN8 ophakathi kwe'Orlando Pirates neMamelodi Sundowns.

Image: Itumeleng English

Ukukhubeka okanye ukuqhwalela kwe'Orlando Pirates yinto edlulileyo futhi engenalo ifuthe emdlalweni ozayo ngokutsho kukaMiguel Cardoso phambi komdlalo omkhulu.

UCardoso ukuthethe oku kwiintsuku ezidlulileyo xeshikweni encokola neentatheli phambi komdlalo ophakathi kweMamelodi Sundowns nePirates emdlalweni weMTN8 oza kube use'Orlando Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga namhlanje.

Njengokuba la maqela eza kudlala kabini phambi komdlalo wokugqibela, omabini akufuna shushu ukuphumelela imidlalo yeMTN8. Ukuphumelela kweqela ngalinye emdlalweni wanamhlanje kubalulekile ngoba umdlalo wesibini unganzima kakhulu.

Okuhle kukuba bobabini abaqeqeshi bayiqonda ngokupheleleyo lo nto. UCardoso uza kusebenzela ukudlula kwiPirates ukuze kwande amathuba okuthatha iMTN8 Cup. Kwisizini ephelileyo, izinto zamhambela kakubi uManqoba Mngqithi emva kokubethwa kwiMTN8.

Ngeke avume uCardoso ukwenza impazamo efanayo emva kokuba ephumelele iBetway Premiership kuphela yena awafika iphakathi. Uyifumana kakuhle iPirates iqhwalela emva kokubethwa yiSekhukhune United neMarumo Gallants ngokulandelelana. Nakubeni kunjalo, umqeqeshi weSundowns uthi ayithethi nto kuye lo nto.

"Okwenzeke emidlalweni edlulileyo andizikhathazi ngako. Zizinto ezizayo ezibalulekileyo kum ngoba ndiphilela okwenzeka ngoku. Xa iSundowns yayibethwa yiPirates ndandingekho mna. Siza kudibana nePirates okokuqala emdlalweni wendebe ngoku kukho mna," utshilo uCardoso olindele umdlalo onzima ebaleni layo iPirates.

"Okwenzeke phambi kwemidlalo enje akubalulekanga. Le yimidlalo engalibuyisela umva iqela okanye iliphucule. Ngenxa yefuthe lomdlalo, abadlali bayathanda ukunyusa umxakatho. Okubalulekileyo kuthi kukuba iqela lifumane iziphumo ezihle kule midlalo.

"Kufuneka siyidlale yomibini ngokukhulu ukuzimisela," utshilo uCardoso. Ujongene nobunzima ngenxa yokungacaci kwekamva labadlali abaphambili abaquka uPeter Shalulile, uKhuliso Mudau noLucas Ribeiro obelithemba leSundowns kwicala lamagowuli.