Amagqala ebhola ekhatywayo athetha ngomdlalo omkhulu weMTN8 onamhlanje eSoweto.
Image: MTN
Phambi kowona mdlalo omkhulu weMTN8, amagqala webhola ekhatywayo eMzantsi Afrika atyelele eMpuma Koloni. UFabian McCarthy noVuyo Mere bancokole nentatheli yeli phephanda ngabaqeqeshi ababini, uMiguel Cardoso noAbdeslam Ouaddou, abayiphumeleleyo imidlalo yeMTN8 yokuqala.
Khange bayiqale ngendlela encumisayo iBetway Premiership. Lo nto idale ingxoxo phakathi kwabalandeli bebhola ekhatywayo. Kungcono kwicala likaCardoso ngoba ukhe waphumelela. Yena uAbdeslam kufuneka abethe iSundowns ukuze athenjwe emva kokubethwa kabini.
Amagqala abeke izimvo zawo ngabaqeqeshi namaqela ashiyekileyo kwiMTN8 kulo nyaka. "Abadlali bePirates baya emdlalweni bephantsi koxinizelelo ngoba ngabo iintshatsheli," utshilo uMcCarthy.
"Kunyanzelekile badlalele ukuyigcina kwakhona indebe. Kanti bona abadlali beSundowns baza kulwela ukuphumelela indebe ngoba iyiphumelele kambalwa kakhulu iMTN8. Abanye abantu bathi iMTN8 ayibalulekanga kwiSundowns - kodwa ndifuna ukuxelela ukuba uyifuna ngamandla.
Ubuntshatsheli bayo eMzantsi Afrika sifuna ukuqala sibubone apha kwiMTN8. Ndicinga ukuba iSundowns ingena kule sizini ifuna ukuphumelela zonke iindebe ezikhoyo. "Ngumqeqeshi wePirates ophantsi koxinizelelo ngoba kulindleke ukuba ayikhusele indebe yeMTN8.
Izinto zingaguquka kwiPirates ukuba umqeqeshi angahlala phantsi nabadlali abadala acacise indlela afuna yenzeke. Kubalulekile ukuhlangana kwabadlali abadala nabatsha ukuze ikwazi ukuya phambili. UMere kwelakhe icala uthe isizini isaqala, ekuhambeni kwexesha izinto zingajika watsho ecacisa into engenziwa ngumqeqeshi.
"Makanikwe ithuba umqeqeshi omtsha ngoba kwakukho uRuud Krol owafika apha engaziwa kodwa wathatha iindebe ezintathu kwisizini enye. Into ebalulekile bakakwazi ukuthenjwa ngabadlali bakhe emva koko izinto ziza kuba ngcono.
"Abadlali bayakhululeka xa bebona ukuba umqeqeshi ubathembile. Makanikwe ithuba umqeqeshi ngoba iPirates isadlala ibhola entle. Masinjonge ukuba isizini iza kumphatha njani. Kwakunje nakuJose Rose - kodwa uhambe sekuthethwa ngaye kamnandi.
UMcCarthy noMere bathe kunzima ukuqikelela ukuba leliphi iqela eliza kuthatha indebe kwesi isigaba. Bavumile kodwa ukuba iStellenbosch FC ingothusa abantu kule sizini emva kokubethwa emdlalweni wokugqibela kunyaka ophelileyo. Kwelinye icala bathe ijonge iSekhukhune United ngoba inabo abadlali abangayibeka endaweni ephezulu.