Ezemidlalo

UCardoso ukhala ngempazamo embi eyenziwe yiSundowns emdlalweni weMTN8

Pedro Mapelo|Published

UTeboho Mokoena kulindeleke ancede iMamelodi Sundowns kwakhona emdlalweni omkhulu weMTN8 oza kube usePitoli.

Image: Itumeleng English

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns ubalule impazamo eyenzeke emdlalweni njengeyona nto evimbe iqela lakhe impumelelo seyivele ngeempondo.

Oku kuvakaliswe nguMiguel Cardoso emva kokuba iSundowns iyeke i'Orlando Pirates yafumana igowuli emdlalweni weMTN8 ophele untanganye ngegowuli macala e'Orlando Stadium emaanga ngoMgqibelo odlulileyo.

Iqela lasePitoli lingene ebaleni ukuzithemba kuphezulu emva kokubetha AmaZulu emdlalweni weBetway Premiership - kodwa ukuyekelela emdlalweni kulichanile. Isiqingatha sokuqala somdlalo silawulwe yiSundowns eqale yaqhufuza iqanda ngebhola efakwe ngentloko nguTeboho Mokoena oyifumene isuka ekoneni kuMarcello Allende.

Emva koko ebekhona amathuba amahle okungcwaba iPirates phambi kwabalandeli bayo. Akubanga njalo ngoba uRayners noMatthews abakwazanga ukuwasebenzisa. Kwisigaba sesibini, iPirates ilwe ngamandla yade yavuzwa ngegowuli elifakwe sisiquququ esifikayo, uKamogelo Sebelebele, okhuphe ibhola phakathi kwemilenze kaRonwen Williams ezipalini.

Emva komdlalo, uCardoso ukhale ngempazamo eyenziwe ngabadlali bakhe enike iPirates igowuli. "Imimoya ibiphezulu kulo mdlalo. Siwudlale kakuhle, kodwa umdlalo wethu ubunyuka usehla. Ndicinga ukuba bekufanele sisebenzise ingqondo emdlalweni," utshilo uCardoso emva komdlalo.

"Okuhle kukuba ibingengomdlalo wokugqibela. Abadlali bethu khange bakwazi ukuqina emdlalweni. Ngekukuhle kakhulu ukuba besiphumelele. Sendilibonile igowuli elifakwe kuthi. Kwenzeke impazamo engafanelekanga. Siphakathi edabini, mninzi umsebenzi esiseza kuwenza," utshilo uCardoso ephoxekile ngempelaveki.

Nangona iSundowns ingaphumelelanga inawo amathuba, kodwa iza kuzama ukuyaphambili kwakhona xa idibana nePirates emdlalweni weMTN8 wesibini oza kube ungempelaveki ePitoli.

Kuza kudlana iintsimbi kuwo ngoba omabini amaqela aza kube edlalela ukuphumelela kunyanzelekile. IPirates isecicini lokuphakamisa iMTN8 Cup ityeli lesine, kanti yona iSundowns ifuna ukwandisa inani leendebe enazo ngeMTN8 eyinqabeleyo.