Amabhokobhoko azikhotha amanxeba emva kokutywatyushwa kakubuhlungu yiAustralia ngempelaveki egqithileyo.
Image: Springboks/Facebook
Izinto aziwuhambelanga kakuhle uMzantsi Afrika kwezemidlalo kwiveki ephelileyo. ABafana Bafana abakwazanga ukubetha iNiger emdlalweni weCHAN, iProteas ayiphumelelanga kwiqakamba - kodwa eyona nto etyumze iintliziyo zabantu abaninzi kukubethwa kwawo Amabhokobhoko ngo'38-22 yiAustralia emdlalweni weRugby Championship obuseGoli ngoMgqibelo odlulileyo.
Okothuse abantu abaninzi kukuba iintshatsheli zehlabathi ziye kwixesha lokuphumla umsebenzi omninzi sele ziwenzile kwisigaba sokuqala. Ukuba ziwuyeke njani umdlalo waphunyelelwa yiAustralia yinto ekunzima ukuyicacisa.
Kwelinye icala, ibiyimincili yodwa kwiAustralia ephumelele umdlalo obalulekileyo eMzantsi Afrika apho ineminyaka engaphezulu kweshumi yagqibela ukuphumelela. UKapteni, uSiya Kolisi, uyivumile induku yeAustralia wongeza ngelithi indlela Amabhokobhoko adlale ngayo ayamkelekanga konke konke.
"Sizibethe ngokwethu emdlalweni wanamhlanje. Mandivuyisane noFraser McRight obengumdlali oqaqambileyo," utshilo uKolisi ophume ebokoboko emdlalweni. "Kufanele sizamkele iziphumo ngoba asidlalanga kakuhle futhi indlela esidlale ngayo ayamkelekanga.
"Ukuqala isizini ngendlela esiqhube ngayo ayamkelekanga tu kuthi," utshilo uKolisi phambi kokuncoma iAustralia ehlaze Amabhokobhoko phambi kwabalandeli abebegcwalise iEllis Park Stadium. "Badlale kakuhle ngoba khange banikezele ixesha elide.
"Ayindonwabisi indlela esiqhube ngayo thina. Kufuneka sizivuthulule ukuze sikwazi ukujongana nomdlalo olandelayo kwiveki ezayo," utshilo uKolisi emva komdlalo eGoli. Kunyanzelekile Amabhokobhoko alungise izinto ngempelaveki xa edibana neAustralia kwakhona emdlalweni wesibini oza kube useDHL Stadium emalanga ngoMgqibelo.
URassie Erasmus uthe uza kwenza iinguqu emva kokuhlazwa liqela lakhe emdlalweni ogqithileyo. Akabadlalisanga abadlali abatsha emdlalweni ogqithileyo kuba ebezama ukuphepha kanye le nto yenzekileyo.