Ezemidlalo

Amabhokobhoko ophisayo ayifungele iAustralia emdlalweni oseKapa

Pedro Mapelo|Published

URassie Erasmus noCanan Moodie bathi okwenziwe kwiSpringboks kufuneka kulungiswe xa bedibana neAustralia emdlalweni oseKapa.

Image: Ayanda Ndamane/Independent Media

URassie Erasmus noCanan Moodie baqinisekisile ukuba Amabhokobhoko aza kubuyise izitya xa edibana neAustralia emdlalweni olandelayo. Bakuthethe oku phakathi evekini phambi komdlalo weRugby Championship obalulekileyo phakathi koMzantsi Afrika neAustralia emalanga (17:00) ngoMgqibelo, eKapa.

Iintshatsheli zehlabathi ziya emdlalweni olandelayo zinomsindo emva kokuhlazwa kakubi yiAustralia emdlalweni obuseGoli kwiveki ephelileyo. Amabhokobhoko ahambe phambili ngo'22-0 kwisiqinatha sokuqala azibhaqe ebethwa ekugqibeleni ngo'38-22.

Yinto leyo emcaphukisileyo umqeqeshi neshiye iintliziyo zabalandeli zityumkile. Kunyanzelekile eDHL Stadium kwenziwe izilungiso nguMzantsi Afrika obuqala ukubethwa kule sizini kwiveki ephelileyo.

Into embi kukuba uSiya Kolisi, uKurt-Lee Arendse, uPieter-Steph du Toit noEdwill van der Merwe baza kuphoswa ngumdlalo ngenxa yokonzakala. Kodwa kwelinye icala, uCheslin Kolbe noDamain de Allende abangadlalanga kwiveki ephelileyo baphilile. Omnye umdlali obiziweyo kule veki nguMakazole Mapimpi obengekho kwiveki ephelileyo.

UJesse Kriel unikwe uxanduva lokukhokela Amabhokobhoko njengokuba uKolisi engazukudlala ngoMgqibelo. "Wonke umntu uyavuma ukuba kunyanzelekile kwenziwe okulungileyo kule veki. Zonke iingqondo zethu zisejimini," utshilo uErasmus ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki.

"USiya noKurt-Lee abazukwazi ukudlala ngenxa yokonzakala abakufumene emdlalweni odlulileyo. Okusivuyisayo kodwa kukuba uCheslin Kolbe noDamian de Allende. Enkampini sisaphazanyiswe kokwenzekileyo.

"Siyakwazi esingakwenzanga kakuhle emdlalweni ogqithileyo. Iitrayi ezifumeneyo iAustralia zisibulele ngoba bekungafanelanga ukuba sizivumele. Siphantsi koxinizelelo - kodwa siyakwazi okufanele sikulungise. Wonke umntu uhlazekile kokwenzekileyo. Sinethemba lokuba siza kufunda kokwenzekileyo," utshilo uErasmus phambi kokugqibelwa nguMoodie.

"Siphoxekile sonke - kodwa ke siyakwazi okufanele ukwenziwa. Emdlalweni wale veki, kubalulekile ukudlala ngendlela esicwangcise ngayo. Okwenzeka emva kufanele kuhambelane nokwenzeka phambili," utshilo uMoodie.