UMolefi Ntseki ubathethelele abadlali bakhe emva kokuba beyeka iUganda yabakhupha kwiCHAN ekuqaleni kwale veki.
Image: Facebook
Emva kokuphuncuka kwempumelelo seyikufutshane, aBafana Bafana babuyele ekhaya iintliziyo zabo zichontsiza igazi. Oku kwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika ubambene neUganda ngamagowuli amathathu emdlalweni weCHAN obubanjelwe eNelson Mandela International Stadium kubusuku bangoMvulo wale veki.
Nangona iUganda iqale yabhalisa ebhodini. ABafana Bafana bakwazile ukulwa bade bahamba phambili emdlalweni obushushu ngendlela encomekayo ngamagowuli amathathu onke kwelinye kwisigaba sesibini.
Abantu abaninzi bacinge ukuba uMzantsi Afrika uyifumene impumelelo xa ufumana igowuli lesithathu - kanti uza kothuswa yiUganda phambi kwabalandeli bayo abayinike amandla.
Ifumene amagowuli amabini okulinganisa emizuzwini engaphantsi kweshumi yatsho yaphela indlela yoMzantsi Afrika obunethuba lokuya phambili kwiCHAN. Iinguqu azenzileyo zibenalo igalelo kwindlela abadlale ngayo aBafana Bafana emdlalweni wokugqibela kaGroup C.
Nangoba kunjalo, uMolefi Ntseki ubathethelele abadlali bakhe emva komdlalo. UNtseki, oye wangena endaweni kaHugo Broos emidlalweni yeCHAN, uthe ukubethwa kweqela lakhe ibe lilishwa nje ngoba abadlali bebezimisele.
"Besineqela elinabadlali abadlale imidlalo ngendlela efanelekileyo. Yonke into bayenze besazi ukuba basebenzela ilizwe labo. Ebholeni ekhatywayo kukho iziphumo ezohlukene kathathu. Ngelishwa namhlanje sifumene iziphumo esingazifuniyo," utshilo uNtseki emva komdlalo obunzima.
Ukubethwa koMzantsi Afrika kubangele amathandabuzo ebantwini abaninzi. "Besifuna ukuphumelela - kodwa ke ayenzekanga lo nto. Ndicinga ukuba ilizwe kufuneka lizingce ngomsebenzi owenziwe ngabadlali ngoba badlale kakuhle kwiCHAN.
"Ngeke ndibatyhole ngobuvila ngoba besizokumela ilizwe lethu apha. Bazamile ukumelana noxinizelelo abadlali ngoba banamava ebholeni ekhatywayo. Emva kokuba senze iinguqu, siye safumana nethuba lokufaka igowuli lesine. Asiphumelelanga kuba ibingeyomini yethu," utshilo uNtseki osebenzise abadlali abaninzi abadala nabangenawo amaqela.