UGoodman Mosele uthi uzimisele ukunceda iChippa United ezikayo isizini yeBetway Premiership isaqala.
Image: Maya Images
Emva kokuba engadlalanga kakhulu kwiOrlando Pirates kwisizini egqithileyo, uGoodman Mosele uthi uzimisele ukunceda iChippa United efuna ukwenza umsebenzi obhetele kule sizini entsha.
UMosele ubuyele ngemboleko kwiChippa United emva kokungadlali kakhulu kwiPirates ngenxa yokonzakala okumkhonkxe ixesha elide. Njengokuba ebuyele kwiqela awagqama kulo ngaphezulu kwalapho asuka khona, kulindeleke ukuba abe ngomnye wabadlali abaphambili kwiChippa United enenqwaba yabadlali abatsha abanye babo abaphuma kwiindawo zaseMpuma Koloni.
"Kudala ndidlala ibhola - kodwa kusenzima ngoba bendike ndonzakala. Ndisazama ukubuyela kwisimo sikaGoodman waziwayo. Kodwa ke noko kuyazameka," utshilo uMosele ethetha neentatheli phambi komdlalo weBetway Premiership obuphakathi kweChippa neTS Galaxy kule veki eBuffalo City Stadium.
"Kumnandi ukubuyela ebholeni kwakhona emva kokonzakala. Okwangoku andiyicingi iPirates. Ndifuna ukunceda iChippa ikwazi ukuqhuba kakuhle kule sizini. Sifuna ukonwabisa abantu baseMpuma Koloni ngokufaka iChippa kwiTop 8 sizame nendebe," utshilo uMosele oqhube kakuhle eminyakeni edlulileyo wade wabizwa nakwiqela lesizwe.
UMosele ngomnye wabadlali abaninzi abatyikitywe yiChippa United phambi kokuqala kwesizini. "Baninzi abadlali abatsha esinabo. Kuhle ngoba siyavana futhi siyanceda akukho mntu otsalela kwelakhe icala. Into esiyifunayo kukudlala kakuhle sincumise abantu baseMpuma Koloni.
"Bafanelwe zizinto ezintle ngoba bayayixhasa iChippa kakhulu," utshilo uMosele kule veki. Njengokuba ngempelaveki amaqela eza kuphumla ngenxa yemidlalo yeMTN8, yona iChippa United iza kulungiselela ukudibana neRichards Bay emdlalweni olandelayo.
Emva kokuhlazwa yiTS Galaxy emdlalweni wangoLwesibini, kunyanzelekile iChippa United ixoze omnye umphini kusakhanya. Indlela edlale ngayo ayincumisi ukusukela ekuqaleni ukuya ekugqibeleni komdlalo.
"Ukuhamba kukaSinethemba Badela emva kwemidlalo emibini izimoshile izinto. Ngaphezulu kwalo nto, kubalulekile ukuba iChippa ifumane abadlali abanamava abanokuyinceda ikwazi ukulwela indawo yayo kwiBetway Premiership engekaphumeleli kuyo kule isizini.