Amakhosi amkele abadlali abathathu eFNB Stadium phambi kokubetha iRichards Bay emdlalweni weBetway Premiership.
Image: Facebook
Amakhosi amkele ngemfudumalo abanye abadlali ababini kule veki phambi komdlalo obungoLwesibini. Lo nto ilibeke kwithoba inani labadlali abatsha kwiKaizer Chiefs kule sizini. Abadlali abatsha abamkelweyo nguEtiosa Ighodaro noLuke Baartman emva kokukhululeka kumaqela abasuka kuwo.
Ifolosi yaseNigeria, uEtiosa Ighodaro, ifike eNaturena izolo emva kokukhululwa yiMamelodi Sundowns ebisoloko ibolekisa ngayo ukusukela ngonyaka ka2021. Iingxelo zithi iSundowns ibifuna ukumgcina u-Ighodaro emva koko ibolekise ngaye futhi - kodwa wayikhaba lo nto.
UBaartman, 19, ngumdlali ohlaselayo osuka kwiCape Town Spurs. Naye ugaleleke eNaturena emva kokukhululwa yiPSL ngokufanayo noAsanele Velebhayi. Ibangafuni ukubakhulula bobabini iCape Town Spurs kuba isithi banesivumelwano nayo iChiefs mayibhatale.
Ikhatyiwe lo nto yiPSL ngoba iSpurs liqela elidlala kwiMotsepe League. Amakhosi ibafumene simahla abadlali ngoba iCape Town Spurs zange ivume ukubathengisa kwiisizini ezigqithileyo. Bonke bamkelwe ngovuyo eFNB Stadium izolo ebusuku.
"Kusivuyisa kakhulu ukufika kwaba badlali noxa kusekho izinto ezifuna ukusonjululwa. Ngabadlali esibadingayo aba ukuze sidlale ngale Ndlela sifuna ngayo. Nokufika kuka-Ighodaro phambili kuyasivuyisa," utshilo uKaizer Motaung Jr.
"Sazisa uBaartman noVelebhayi kubalandeli namhlanje ngoba siyazi ukuba ngabadlali abanetalente noxa beza kudinga ithuba lokufunda indlela esidlala ngayo. Akululanga - kodwa iqela liyaphucuka. Umsebenzi wokulenza ngcono usaqhubela phambili," utshilo uKaizer Motaung Jr ethatha kwiSuperSport TV emva komdlalo izolo.
Noxa uMotaung Jr eseza kulwela uVelebhayi noBaartman ababangwa yiCape Town Spurs - kodwa Amakhosi ancumise emva kokubetha iRichards Bay ngegowuli elinye emdlalweni weBetway Premiership.
Amakhosi ahleli kwindawo yesibini ngoku emva kokuphumelela yomithathu imidlalo ayidlalileyo kwisizini entsha. Kwiveki ezayo aza kuqibana neMamelodi Sundowns ekhuthazekile emdlalweni oza kutsala umdla wabantu abaninzi.