UGrant Williams ekhaba ibhola yombhoxo emdlalweni obuphakathi kwaMabhokobhoko neAustralia ngempelaveki edlulileyo.
Image: Independent Media
Kuthe qabu kumqeqeshi waMabhokobhoko emva kokuba betha iAustralia. Oku kuthethwe nguRassie Erasmus emva kokuba Amabhokobhoko ebethe iAustralia ngo'30-22 emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship obubanjelwe eDHL Stadium, eKapa, kwimpelaveki edlulileyo.
Bekunyanzelekile uMzantsi Afrika ulwele ukubuyisa isidima sawo esirhuqwe phantsi kakubi yiAustralia emdlalweni wovavanyo wokuqala eGoli. Nangona umqeqeshi engonelisekanga ncam - kodwa ukubetha iAustralia phambi kokuya kwiNew Zealand yinto ekhuthazayo kakhulu.
Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo liza kuntingela eNew Zealand lizithembile emva kokudlala kakuhle. Uncomile emva komdlalo uRassie Erasmus noxa ekhale ngamathuba angasetyenziswanga emdlalweni ogqithileyo.
"Umdlalo ubungagqibelelanga - ukuphumelela yeyona nto esiyamkelayo. Emva kokubethwa, kuye kwakhona ukulahleka kokuzithemba nangona besinemidlalo emininzi esiyiphumeleleyo," utshilo uErasmus obeke iliso lakhe kwiNew Zealand eziintshaba ezinkulu zoMzantsi Afrika embhoxweni.
"Ukubetha iAustralia ngamanqaku asibhozo kuyonelisa noxa singakwazanga ukusebenzisa amathuba wethu kakuhle emdlalweni. Kodwa eyona nto ebalulekileyo kukuba kufuneka siye kwiNew Zealand siyibethe kabini ukuze siphakamise indebe kwakhona.
"Bekunzima ukubetha iAustralia ngokufanayo neLions. UJames O'Connor uphose amathuba amabini emizuzwini yokugqibela. Umdlalo wethu uye waphucuka kwisigaba sesibini xa sithelekisa noweveki ephelileyo. Besinazo iimpazamo nangona zikhona iindawo ezincomekayo.
"Abadlali bethu basemva baqhube kakuhle. Siza kubona xa sidibana neNew Zealand ukuba siza kuphatheka njani ngoba inabadlali basemva abaletshezayo. Umdlalo wethu ubuzinzile noko kule iveki - kodwa asikwazanga ukudala amathuba ngendlela efanayo nomdlalo ogqithileyo.
"Sizama ukuphumelela nokudlala umdlalo omhle ukuze koneliseke abalandeli bethu. Kodwa ikhona imidlalo ekufuneka udlalele ukuphumelela qha," utshilo uErasmus emva komdlalo kwiveki ephelileyo.