Ezemidlalo

UMiguel Cardoso ukhala ngokudinwa kweSundowns ekhutshwe kwiMTN8

Pedro Mapelo|Published

UMiguel Cardoso ukhale ngokudinwa kwabadlali bakhe emva komdlalo weMTN8 obuphakathi kweMamelodi Sundowns ne'Orlando Pirates.

Image: Itumeleng English

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns ubalule ukudinwa njengenye yezinto ezibangele ukukhutshwa kweqela lakhe kwiMTN8. Nangona iSundowns ihambe phambili ixesha elide emdlalweni - kodwa i'Orlando Pirates ikwazile ukufumana igowuli lokulinganisa phambi kokuphumelela ngo'4-1 kwiipenela eLucas Moripe Stadium kwimpelaveki egqithileyo.

Njengokuba iSundowns isabhula umlilo wabadlali abafuna ukuhamba, uMiguel Cardoso uthe ukungaphumli ngokwaneleyo yeyona nto ebethe iqela lakhe emdlalweni weMTN8. Amasandawana aqale amalungiselelo kushiyeke iiveki ezimbini phambi kokuqala isizini entsha ngoba kwaye kwanyanzeleka aqale kwiFifa Club World Cup ebikwinyanga yeKhala ngethuba amanye amaqela ephumle.

Nangona akuthethileyo ingeke ibe yinto engekhoyo - kodwa iSundowns lelinye lamaqela elinabadlali abaninzi kakhulu. Uvumile kekambe uCardoso ukuba iPirates ixhamla kakhulu kwindlela ezilungiselele ngayo phambi kwesizini. ISundowns iye emdlalweni odlulileyo iphumelele kabini kwiBetway Premiership.

Ukubethwa kweSundowns kumandisele iingxaki uCardoso ngoba abalandeli bavakalise ukungonwabi kwabo eLucas Moripe Stadium ngokuthintela ibhasi ebihamba iqela. Kuye kwangenelela amapolisa achithachithe isiqhu sabantu ngasesangweni.

"Ukuba nifuna iimpendulo zemibuzo enindibuza yona, mhlawumbi ingafumaneka xa nibala iiveki zamalungiselelo wePirates phambi kokuqala kwesizini. Jonga amaqela edlale nawo," utshilo uCardoso emva komdlalo ogqithileyo.

"Wonke umntu ebelindele iSundowns enamandla kuba abadlali abathile bengadlalanga phakathi evekini. Sizamile futhi nabo abadlali bazamile emdlalweni. Kodwa okucacileyo kukuba iimpazamo zenziwa kukudinwa. Iimpazamo zenzeka kakhulu ke xa udiniwe. Asikadlali midlalo emininzi.

"Mithathu kwiBetway Premiership neyendebe mithathu. Kwawethu amalungiselelo sidlale imidlalo emibini kwalandela iPirates. Ngokuya besidlala kwiClub World Cup, yona iPirates ibizilungiselela, utshilo uCardoso ethethelela ukubethwa kweSundowns engenayo imbali entle kwiMTN8.