UYanga Nothanga ngumfoti wezemidlalo olinenekazi ozenzele igama kwiPremier Soccer League.
Image: Facebook
Kunyaka ophelileyo, uYanga Nothanga wathatha isigqibo sokuba ngumfoti wemidlalo engenaso nesinye isixhobo. Eyona nto awayethembele ngayo sisibindi sokwenza le nto ayenzayo ngoku. Lo mfoti waseNgqeleni ngokuzalwa wayengumlandeli webhola ekhatywayo owayehamba kakhulu phambi kokuba ngumfoti kwiPremier Soccer League.
Wancedwa yimidlalo yeChippa United kunyaka ophelileyo eMonti. Ekuqaleni kwesizini ephelileyo (2024/25) wanikwa ilungelo lokufota yiPSL emva kokuba imifanekiso yakhe yavela kumaphephandaba aquka I'solezwe lesiXhosa neDaily Dispatch.
Emva kokufinca unyaka efota emidlalweni yebhola ekhatywayo neyomnyazi nombhoxo, uNothanga uthi akazisoli nakancinci ngokuqala ikhondo elitsha ebomini bakhe. "Ukuba ngumfoti yinto enkulu ebomini bam. Lithuba elinqabileyo eli ndilifumeneyo mna," utshilo uYanga ecacisa indlela ayihambileyo ukusukela kunyaka ophelileyo.
Kwisizini edlulileyo, nguye kuphela inenekazi elalitshila emidlalweni emikhulu yeKaizer Chiefs, Orlando Pirates, iMamelodi Sundowns neyaBafana Bafana kwiindawo ezahlukeneyo eMzantsi Afrika. "Ndingumthandi webhola ekhatywayo – kodwa ndifuna ukutsho ukuba xa uphakathi ebaleni, kukho umahluko omkhulu.
"Nam ndishicilela imbali emidlalweni ngemifanekiso. Yonke imihla ndifunda into entsha emidlalweni futhi ndikhulile ngoku emsebenzini wam. Ukuthanda imidlalo kundinike isiseko esomeleleyo kule nto endiyenzayo.
"Andisokoli xa ndithatha imifanekiso ngekhamera ngoba ndiyalazi ixesha elifanelekileyo. Lo nto yenza ube khaphukhaphu umsebenzi wam futhi ndiwonwabela ngendlela emangalisayo," utshilo uNothanga owayengumfundi eWalter Sisulu University.
Njengokuba uYanga elelinye lamanenekazi ambalwa athatha inxaxheba emidlalweni yePSL, akululanga ngoba kufuneka asuke endaweni ahlala kuyo aye kwiindawo ezinemidlalo. Nangona kunjalo, uthi uyayinikwa inkxaso ngabantu. "Ingaba ndiyaxoka ukuba ndingathi ikhona ingxaki.
"Ndifumene uthando nentlonipho koogxa bam abafotayo. Enye into endincedayo kukungazifanisi nabanye abantu, ndihamba ngesantya sam. Eminyakeni ezayo ndinqwenela ukufota nakwamanye amazwe. Ndifuna kubonwe apha kum ukuba ukufota ibhola ekhatywayo ayingomsebenzi wamadoda kuphela, sisonke kule nto," uvale ngaloo mazwi uNothanga.