Ezemidlalo

UNtlabakanye uyasikhaba isityholo asibekwayo ngechiza elingavumelekanga embhoxweni

Pedro Mapelo|Published

uAsenathi Ntlabakanye uyazikhanyela izityholo azibekwayo.

Image: Sprinngbok/Facebook

Emva kokuthi gqi kwezityholo ngeCawe edlulileyo, uAsenathi Ntlabakanye uyikhanyele wema ngomlenze omnye into yechiza elingafanelekanga etyholwa ngalo.

Oku kuvele kwingxelo ebhaliwe ekhutshwe ngabaphathi beqela lesizwe lombhoxo eqinisekisileyo ukuba kubhaqwe ichiza elingavumelekanga kuNtlabakanye emva kovavanyo elenziwa yiSouth African Institute for Drug Free Sport.

Ezi ndaba ngalo mdlali waMabhokobhoko zothuse abantu abaninzi embhoxweni nangona iyinto ethande ukuxhaphaka ngoku. UNtlabakanye, 26, ongumdlali weLions, uthe ichiza abekwe ityala ngalo ayilelokunyusa amandla xa edlala futhi wayelinikwe ngugqirha oyingcali ekuqaleni kwalo nyaka.

"Umdlali khange afihle kwa nto ayisebenzisileyo futhiulandele ncakasana imiyalelo kagqirha owayejongene nokonzakala kwakhe. Akwenzileyo wakwenza elandela akuxelelwe ngugqirha ngokwendlela umthetho wezempilo ogunyazisa ngayo.

"UNtlabakanye akazufakwa kwiqela lesizwe eliza kutyelela eNew Zealand ukuze afumane ithuba lokujongana nesityholo asibekiweyo," itshilo ingxelo ekhutshwe liqela lesizwe.

Lo mdlali wombhoxo udlalele Amabhokobhoko okokuqala ngethuba ebetha i-Italy ngo'45-0 wonke emdlalweni obuseNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, kwiinyanga ezidlulileyo.

Okwehlele uNtlabakanye kulandela okwehlele uElton Jantjies osikiweyo kutshanje naye uAphiwe Dyantyi obuyele embhoxeni kunyaka ophelileyo emva kokuhlala iminyaka engadlali. Emva kokubekwa ityala, uNtlabakanye kulindeleke abizwe ukuze azithethelele emva koko kuwiswe isigwebo esingamkhupha engxakini okanye simrhintyele.