UKamogelo Sebelebele uncede i'Orlando Pirates ekhuphe iMamelodi Sundowns kwiMTN8 kwiveki ephelileyo.
Image: Backpagepix
Umdlali ofikayo kwi'Orlando Pirates, uKamogelo Sebelebele, ugxeleshe indebe yeMTN8 ngamehlo abomvu. Oku ukuthethe emva kokuba encede iPirates eguqise phantsi iMamelodi Sundowns ngo'4-1 kwiipenela emdlalweni weMTN8 Cup ophele ngo'1-1 eLucas Moripe Stadium kwimpelaveki edlulileyo.
Itsazise igazi kwangoko kwisigaba sokuqala iSundowns ngegowuli elifakwe ngu-Iqraam Rayners. Emva kwexesha elide, uKamogelo Sibelebele ufake igowuli lokulinganisa kwashukuma uLucas Moripe Stadium ebigcwele abalandeli bebhola ekhatywayo.
Ibikokwesibini uSebelebele ehlangula iPirates ihamba emva kwiSundowns. USebelebele, 23, obekade edlalela iTS Galaxy, uphakathi kwabadlali abatsha abafike benza umahluko kwiPirates esekhondweni elihle lokuphakamisa indebe yeMTN8 ityeli lesine iminyaka ilandelelana.
Indlela adlala ngayo uSebelebele iyancomeka kakhulu ngoba uyakwazi ukudlala emva aphinde alunge naxa kuhlaselwa ngenxa yamendu anawo. Emva kokuzuza iwonga lomdlali oqaqambileyo, uye wabulela kakhulu ithuba lokudlala alinikiweyo yiPirates.
"Ndifuna ukubulela uThixo ngokunika ithuba lokugqamisa italente yam. Okwisibini, ndifuna ukubulela umqeqeshi ondinike ithuba lokudlalela iPirates," utshilo uSebelebele obobotheka luncumo emva komdlalo.
Ngokungafaniyo nabanye abadlali abathatha ithuba elide maxa wambi ukuze baqhelane nendlela entsha yokudlala, yena uSebelebele ufike wayibamba intsimbi itshisa kwiPirates. Uvumile ke kodwa ukuba umdlalo odlulileyo ubunzima ngoba abawudlalanga ngendlela ebekufunwa ngayo ngabaqeqeshi.
"Umdlalo ubunzima kakhulu. Izinto azenzekanga ngendlela ebesifuna ngayo. Kodwa emva kokuba siye sathetha kwakhona ngexesha lokuphumla, abadlali abangene mva emdlalweni basincedile. Bafike bawuphakamisa umdlalo wethu. Sonke siyadingana ebaleni ngoba sidlalela iqela elinye. Ngoku ndijonge emdlalweni wokugqibela wendebe.
"Iza kuba ngowesibini ebomini bam kwinqanaba eliphezulu. Ndifuna imbasa yegolide. Siza kuhlala sibonwabisa abalandeli bethu ngoba beza ngobuninzi," utshilo uSebelebele. IPirates iza kuqubisana ne'Orbit College emdlalweni weBetway Premiership onamhlanje ngorhatya.