Abadlali beSpringbok Women bevuyela impumelelo emva komdlalo neNgilane.
Image: Springbok Women
Athe chu esiya phambili amanenekazi oMzantsi Afrika kwitumente yehlabathi. Enze imbali emdlalweni wesibini ngokubetha amaTaliyane ngo'29-24 kwisixeko saseYork, eNgilane, emalanga ngeCawe edlulileyo. Embalini yetumente yehlabathi, iSpringbok Women zange sayibetha i-Italy.
Besiqala emdlalweni wangeCawe ukubetha elinye lamaqela alushica eYurophu. Impumelelo yesibini ithathe iSpringbok Women yasibeka phezulu kwiPool D. Unamanqaku amahlanu uMzantsi Afrika emva kokuphumelela imidlalo emibini.
Emdlalweni wokuqala kwitumene yehlabathi ebanjelwe eNgilane ukusukela kwinyanga ephelileyo, uMzantsi Afrika uvuthulule iBrazil. Yinkqubela eyamkelwe ngovuyo nguSwys de Bruin le yenzekileyo. Umqeqeshi uthe iSpringbok Women sikwazile ukudlula kwi-Italy ngoba sinabadlali abakwaziyo ukumelana noxinizelelo olumandla kwiitumente ezinkulu.
Ethetha emva kokuba iqela lakhe libethe amaTaliyane, uDe Bruin uthe eyona nto eza kunceda kakhulu uMzantsi Afrika kukudlala ngendlela ekwenziwe ngayo amalungiselelo.
"AmaTaliyane adlala kwiSix Nations Cup aphinde adibane namanye amaqela amakhulu rhoqo kunathi. Anendlela yokumelana nemidlalo emikhulu – kodwa ndifuna ukuncoma abadlali bethu ngoba benze umsebenzi omhle kakhulu," utshilo uDe Bruin emva komdlalo ogqithileyo.
Ukubetha ilizwe elifana ne-Italy kulindeleke kuphakamise isidima soMzantsi Afrika embhoxweni wehlabathi. "Inkxaso esiyifumanayo apha nasekhaya iyancomeka kakhulu. Umbhoxo waseMzantsi Afrika uqhuba kakuhle macala onke," utshilo uDe Bruin.
Ngoku uMzantsi Afrika uza kuswantsulisana neFrance emdlalweni wokugqibela kaPool D emalanga ngeCawe. Amanenekazi oMzantsi Afrika aya emdlalweni ekulindeleke utake iintlantsi ekhuthazekile emva kokuphumelela kabini kwitumente yehlabathi.