uAbdeslam Ouaddou uphakathi kwamagosa ePirates onzakeleyo kwiintsuku ezidlulileyo.
Image: Itumeleng English/Independent Media
Amagosa amahlanu we'Orlando Pirates, aquka nomqeqeshi, onzakele emva kokubandakanyeka engozini yeemoto kwiintsuku ezidlulileyo. Ezi ndaba zimbi zikhutshwe yiPirates ngentsasa yanamhlanje.
Ingxelo ithi ilishwa lehle emva kokuba iPirates ibethe iChippa United ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, emalanga ngeCawe edlulileyo. Ingozi yenzeke kwindlela ekuthiwa yiR21 Highway kwiphondo laseGauteng.
"IPirates iyaqinisekisa ukuba umqeqeshi, uAbdeslan Ouaddou namanye amagosa amahlanu, afumene ingozi emva kokudlala neChippa United," itshilo ingxelo. "Umqeqeshi namanye amagosa ehle ebhasini yeqela eyokunceda abantu engozini yemoto. Bonzakele emva kokuba iimoto ezimileyo zidudlwe yimoto yesithathu.
"Umqeqeshi namagosa ePirates bafumana uhoyo esibhedlele emva kokonzakala kakhulu. IPirates iza kuqinisekisa ukuba bonke bafumana unyango abonzakeleyo futhi neentsapho zabo ziza kufumana inkxaso efanelekileyo," itshilo ingxelo.
Oku kwenzeka iPirates ilungiselela ukudibana neStellenbosch FC emdlalweni wokugqibela weMTN8 Cup oza kube useMbombela Stadium, eMpumalanga, kwiveki ezayo. Ezimnyama zisecicini lokwenza imbali lokuba liqela lokuqala eliphumelele indebe yeMTN8 amatyeli amane elandelelana.
Lithuba lakhe lokuqala uAbdeslam Ouaddou lokuphakamisa indebe kwiPirates emva kokungena ezihlangwini zikaJose Riveiro ohambe kwiinyana ezigqithileyo eliqhawe ngenxa yeendebe ezintlanu azishiye ngasemva.