Iqela lamantombazana laseMpuma Koloni, iCity Lads, liza kuthatha inxaxheba kwitumente kazwelonke kwinyanga ezayo.
Image: Engen Sports
Umdlali webhola ekhatywayo olinenekazi, uAkholuwe Khundai, uvakalise uchulumanco emva kokuba iqela lakhe liphakamise indebe ebalulekileyo kutshanje watsho ethembisa ngelithi baza kumela iphondo leMpuma Koloni emidlalweni kazwelonke ngelikhulu iqhayiya.
Oku kuthethwe nguKhundai onguKapteni wayo iCity Lads eziintshatsheli zayo iEngen Knockout Challenge emva kwemidlalo edlalelwe eQonce kwinyanga yeKhala. Okokuqala embalini, uEngen uthathe itumente yakhe wayisa kwindawo ephantsi kweBuffalo City kuba efuna ukunika ithuba abadlali abangaqhelanga ukuxhamla.
Phakathi kwamanye amaqela athathe inxaxheba kwitumente edlalelwe eDale College bekukho iBlackpool, Nav Galaxy, iBay Stars, iWalter Sisulu University, Ebhayi, uCaledonian nePhoenix Birds. Yaba ziintshatsheli iCity Lads emva kokubetha iNav Galaxy ngo'1-0.
Kulapho ubunkokheli bukaKhundai nokuzimisela kwamanye amanenekazi kwacaca khona. Ngoku iCity Lads ilungiselela ukumela iphondo kwitumente kazwelonke eza kuquka onke amaqela amanenekazi aphumelele kwamanye amaphondo.
ULumza Mjana, ongumqeqeshi weCity Lads, umchaze uKhundai njengomdlali osemgangathweni ophezulu futhi okwaziyo ukumelana neemeko xa edlala esiswini. "Andinayo indlela endingamchaza ngayo ngamazwi. Nguye onceda iqela ukuze likwazi ukudlala ngendlela esifuna ngayo," utshilo uMjana kwingxelo ekhutshwe nguEngen kutshanje.
Yena uKhundai uthe ukuphakamisa indebe yinto enkulu eqeleni lakhe. "Ukuphumelela iEngen Knockout Challenge yinto esizingca ngayo kakhulu siliqela lamantombazana. Sibulela ithuba esilinikwe nguEngen. Sizimisele ukumela iphondo ngeqhayiya kwiChamp of Champs," utshilo uKhundai.
Noxa engumdlali onomzimba omncinci – kodwa umsebenzi wakhe omhle nokuzimisela kwenza ukuba ahlonitshwe ngoogxa bakhe kwiCity Lads ebikhe yadlala kwiHolywoodbets Super League. Onke amaqela aphumeleleyo emaphondweni aza kudibana kwinyanga ezayo.