UKaizer Motaung Jr umamkele ngezandla ezishushu uKhanyisa Mayo obakade edlalela iCR Belouizdada.
Image: Kaizer Chiefs
Kulindeleke ukuba agaleleke kule veki uKhanyisa Mayo enkampini yeKaizer Chiefs emva kokuba ekhululwe yiCR Belouizdad eyamthenga kwiCape Town City. Oku kuza kwenzeka emva kokuba uMayo etyikitywe ngemboleko yiChiefs kwiveki ephelileyo.
USead Ramovic uxelele iDiski Times kwiveki ephelileyo ukuba umkhulule uMayo ngoba akanayo indawo kwiqela lakhe. Amakhosi, abesakhangela ifolosi, enze umtsi omde amthatha ngoba wahamba emfuna kakade esengumdlali weCape Town City kunyaka ophelileyo.
Nangona uMayo, 27, wahamba kwiPremier Soccer League esaziwa ngokufaka amagowuli - kodwa kwiAlgerian League 1 akakwazanga ukuwafaka ngobuninzi kwisizini egqithileyo. Lo nto inyanzele uSead Ramavic ukuba axoze omnye umphini phambi kwesizini entsha angakhange abhaliswe kuyo uMayo.
Emva kwesibhengezo esenziwe ngorhatya ngoLwesihlanu, uKaizer Motaung Jr uye wacacisa ukuba kubaluleke ngantoni ukufika kukaMayo ekulindeleke akhuphisane ngokudlala nabanye abadlali abafikayo kwiChiefs.
"Akuyomfihlo ukuba uMayo waya eAlgeria simfuna eNaturena," utshilo uMotaung Jr kwikhasi lomnatha leChiefs. UKhanyiso ulandela ekhondweni likaYise, uPatrick Mayo, owangumdlali weChiefs iminyaka ebalekayo.
"UMayo ngumdlali onembali encomekayo kwiBetway Premiership. Sicinga ukuba angenza indima ebalulekileyo emidlalweni yethu yeBetway Premiership neyeCAF Confederation Cup. Ufikela kwezinye iintsapho ezizenzele imbali entle kwiChiefs. Simnqwenelela konke okuhle," utshilo uMotaung Jr.
UMayo ufika ngexesha elihle Amakhosi ehleli kwindawo yesibini kwiBetway Premiership emva kokuqhuba kakuhle emidlalweni emihlanu yokuqala. Emva kokubhengezwa kwakhe, uMayo uthethe wenjenje: "Molweni Makhosi, lo nguKhanyisa Mayo," utshilo uMayo kwividiyo.
"Kuluvuyo kum ukunixelela ukuba ndibuyela ekhaya kwelona qela elikhulu kwihlabathi lonke. Andisakwazi nokulinda ngenxa yokungxamela ukuba nani ebaleni. Igazi lam ligolide namnyama ngoku. Siza kubonana kungekudala," utshilo uMayo.