Ezemidlalo

URassie Erasmus usole iimpazamo emva kokubethwa kwaMabhokobhoko

Pedro Mapelo|Published

Amabhokobhoko ayophisa emva kokuba ebethwe yiNew Zealand emdlalweni weRugby Challenge ngempelaveki edlulileyo.

Image: Springboks

Aphinde akhubeka kwakhna Amabhokobhoko emdlalweni obalulekileyo. Ngentsasa yoMgqibelo odlulileyo, uMzantsi Afrika uguqiswe phantsi yiNew Zealand ephumelele ngo'24-17 emdlalweni weCastle Lager Rugby Challenge obunzima ebaleni elinembali etyebileyo ekuthiwa yiEden Park.

Kwinyanga ephelileyo, uMzantsi Afrika ubukhe wacanjalaliswa yiAustralia emdlalweni obuseGoli. Umqeqeshi weqela lesizwe, uRassie Erasmus, ubalule iimpazamo ezenziwe ngabadlali njengezona zinto ezithe ziyangxaki emdlalweni.

Amabhokobhoko aye emdlalweni esazi kakuhle ukubaluleka kwayo. Belikhona ithemba lokwenza kakuhle emva kokulungisa iimpazamo emdlalweni wesibini abethe kuwo iAustralia. Ngelishwa ziphinde zakhona iimpazamo emdlalweni weentshatsheli zehlabathi emdlalweni obungempelaveki egqithileyo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iNew Zealand iphala phambili ngeshumi elinesine lamanqaku eqandeni. Alwile Amabhokobhoko kakhulu kwisigaba sesibini - kodwa ngelishwa lawo, khange akwazi ukuphumelela.

"Ishumi elinane lamanqaku kwisigaba sokuqala, impazamo eyenziwe nguMalcom Marx nenye eyenziwe nguWillie ke Roux. Andazi ukuba ebezama ukwenzani phaya - kodwa ndinethemba lokuba uza kuvuma ukuba wenze into engaqhelekanga emdlalweni wanamhlanje," utshi uRassie.

"Sizifake engxakini ngokwethu emdlalweni odlalelwe ebaleni ebelimanzi ngenxa yemvula," utshilo uErasmus emva komdlalo. Ubekhona umahluko oye wabonakala emva kokufakwa kukaSacha Feinberg-Mngomezulu noCobus Reinach emdlalweni.

Amabhokobhoko aphethe ekwazile ukufumana amanqaku alishumi elinesixhenxe futhi enamandla. Kodwa ngenxa yeempazamo ezenzeke ekuqaleni komdlalo, awakwazanga ukuqabela ngaphezulu kweNew Zealand kowayo.

"Ndicinga ukuba abadlali esibafake mva benze umahluko. Alwile Amabhokobhoko futhi ubonakele umsebenzi owenziwe ngabadlali basemva. Zininzi izinto esizenze gwenxa nezibangele iNew Zealand ikhokele. Siphantse sabambana nayo kodwa ekugqibeleni," utshilo uRassie Erasmus emva komdlalo.