Ezemidlalo

UGwambi noMinnie banikwe uxanduva lokunyusa iBush Bucks FC!

Pedro Mapelo|Published

USiyabulela Gwambi noGlenn Minnie baza kuqeqesha iBush Buck FC yaseMthatha kwisizini entsha yeABC Motsepe League.

Image: Hoseya Jubase

Amadoda amabini aziwayo, uSiyabulela Gwambi noGlenn Minnie, anikwe umsebenzi onzima wokufunqula iBush Bucks FC kwisizini entsha. UGwambi ngumqeqeshi oyintloko, kanti yena uMinnie uza kusebenza njengomncedisi wakhe.

Ngabaqeqeshi abaziwayo jikelele ebholeni ekhatywayo ngoba basuka kwiChippa United edlala kwiPremier Soccer League. UGwambi uchithe iminyaka emithathu engumncedisi wabaqeqeshi abaliqela kwiChippa. Yena uMinnie uqeqeshe ithuba elide iChippa edlala kwiMultiChoice Diski Challenge.

Isibhengezo ngokufika kwabo kwiBush Bucks senziwe ekuqaleni kwale veki. Bajongene nomsebenzi onzima wokuphakamisa iBush Bucks edlala kwiABC Motsepe League kwiphondo leMpuma Koloni. Akululanga kwaphela ukudlala kwiMotsepe League ngoba onke amaqela alwela ukuya kwiMotsepe Foundation Championship.

"Ndigcwele uchulumanco kakhulu. Yonke into inexesha layo. Bekumele ukuba ndize kwiBush Bucks kwisizini ephelileyo – kodwa kuye kwenzeka ukuba masilinde ixesha elilungileyo," utshilo uGwambi ethetha neentatheli.

Banethamsanqa abadlali beBush Bucks ngoba baza kuphathwa ngabaqeqeshi abanamava okusebenza nabadlali abanamava nabasakhulayo. "Kundivuyisa kakhulu ukuba kwiBush Bucks ngoba inembali eMzantsi Afrika. Siza kuzama ukuyivuselela ukuze ibuyele endaweni yayo.

"Ngethamsanqa bendiqeqesha apha kwiMotsepe League, ndikwazile ukuzibona iindawo ezifuna ukulungiswa. Kubalulekile ukutsho ukuba iBush Bucks liqela leMpuma Koloni yonke, hayi uMthatha kuphela," utshilo umqeqeshi omtsha.

Uthe umsebenzi wabo kukuthatha iBush Bucks bayinyusele phezulu kwiMotsepe Championship. Iimbala zikulungele ukuqala isizini ekulindleke ukuba zikhuphisane kuyo namaqela alushica kakhulu aquka iFC Ravens, iSinenkani FC, iMighty Eagles FC, iFC Siyanda, Amaxesibe FC namanye amaqela. Akukacaci kakuhle ukuba imidlalo iza kuqala nini ngenxa yeengxaki ezijamelene neSafa.