UHugo Broos wonwabe kakhulu emva kwenkqubela eyenziwe ngaBafana Bafana abalwela ukuya kwiFIFA World Cup.
Image: Backpagepix
Emva kweshumi elinesihlanu leminyaka uMzantsi Afrika wagqibela ukudlala kwitumente yehlabathi, kukho ithemba emva kokuqhuba kakuhle emidlalweni egqithileyo. Lo ngumsebenzi omhle owenziwe nguHugo Broos owafika aBafana Bafana beduda ndawonye ebholeni ekhatywayo kwizwekazi le'Afrika.
Kugquba umoya omhle eMzantsi Afrika emva kokuba aBafana Bafana bebambene ngo'1-1 neNigeria emdlalweni obuseToyota Stadium ngoLwesibini wale veki ngoba wandise amathuba okuya kwi2026 FIFA World Cup. ABafana Bafana baye emdlalweni befuna ukuphumelela ukuze baphelelwe lixhala.
Bakhokele ngegowuli elifakwe ngempazamo nguWilliam Troost-Ekong odibene nebhola ebigotywe ngobuchule nguMohau Nkota. Kodwa izinto ziye zonakala phambi kokusongwa kwesigaba sokuqala ngethuba uCalvin Bassey efaka ibhola ngesandla esingabonwanga ngusompempe.
Nangona kunjalo, uHugo Broos ubaqhwabele izandla abadlali bakhe ngelithi balwile emdlalweni ekukhatyenweyo kuwo eBloemfontein. UMzantsi Afrika uhleli phezulu kuGroup C emva kokuqokelela ishumi elinesixhenxe lamanqaku. Kulandela iBenin ineshumi elinesine emva kwawo.
Ukuba uMzantsi Afrika ungafumana amanqaku amane emidlalweni emibini eshiyekileyo, indawo yawo iza kuqinisekiswa kwiNdebe yeHlabathi. Kodwa kusekho ixhala ebantwini ngoba uMzantsi Afrika wadlalisa uTeboho Mokoena enamakhadi komnye umdlalo.
Akukabikho sohlwayo esisuka kwiFIFA ngoba zange kubekho sikhalazo esafakwa kwangoko emva komdlalo. "Okwenzeke emdlalweni bendikulindele. Ekuqaleni iNigeria ibidlala kakubi. Izame ukuphumelela umdlalo kwisigaba sesibini qha," utshilo uBroos emva komdlalo.
"Sidlale kakuhle kakhulu futhi siliqela elinamandla ngoku. Besisilwela impumelelo - kodwa ndiyalamkela inqaku elinye. Ndonwabile ngoba bendibaxelele abadlali phambi komdlalo ukuba kufuneka babonise ukuzimisela emdlalweni nokuba abaphumelelanga. Kudala ndatsho ukuba ndinabadlali abafuna ukuya kwiNdebe yeHlabathi. Yiyo lo nto umdlalo wanamhlanje ububalulekile," utshilo umqeqeshi.