USteve Barker uthi iStellenbosch iza kudlalela ukuya phambili kwiMTN8 xa idibana neSekhukhune United emdlalweni osePolokwane ngorhatya.
Image: Itumeleng English
Iqela laseNtshona Koloni ekuphela kwalo elidlala kwinqanaba eliphezulu, iStellenbosch FC, likhangela indlela yokuziphindezela kwiOrlando Pirates emva koko liphakamise indebe yeMTN8.
Oku kungenzeka kuphela xa iStellenbosch ingabetha iPirates emdlalweni wokugqibela weMTN8 oza kube useMbombela Stadium ngentsimbi yesithandathu ngorhatya wangoMgqibelo. Ngumdlalo ekulindeleke utshise kakhulu ngoba kudibana amaqela abedibene emdlalweni wokugqibela weMTN8 kunyaka ophelileyo eMoses Mabhida Stadium.
Yaphumelela iPirates ngo'2-1 yatsho yaphakamisa indebe ityeli lesithathu iminyaka ilandelelana. Kodwa yena uSteve Barker nabadlali bakhe bagoduka bonzakele ezintliziyweni ngenxa yobuqhitala bukasompempe obanceda iPirates.
"Yasikhubekisa kakhulu into eyenzekayo," utshilo uBarker ekhumbula okwenzeka eThekwini ethetha neentatheli. "Ukuphoxeka kusekhona emva kwento eyenzeka sekuza kuphela umdlalo kunyaka ophelileyo. Sinethemba lokuba okwenzeka kunyaka ophelileyo kuza kusityhala senze ngcono kulo nyaka," utshilo uBarker ethetha neentatheli.
IStellenbosch iya emdlalweni obalulekileyo isophisa ngoba ibethwe yiPirates ngo'1-0 kwiiveki ezigqithileyo emdlalweni weBetway Premiership. UBarker uthi kunyanzelekile iqela lakhe lenze ngcono ukuze likwazi ukuzenzela imbali.
"Kubalulekile ukuphucula indlela esidlale ngayo nePirates esibethileyo emdlalweni weBetway Premiership. Ukuba asikwazi ukuyenza lo nto, umsebenzi wethu uza kuba nzima kakhulu. Sonwabile futhi sikhuthazekile phambi komdlalo esiya kuwo," utshilo uBarker.
"Kufuneka sikhumbule ukuba akuqhelekanga ukubona iStellenbosch idlala umdlalo wokugqibela wendebe iisizini zilandelelana. Abadlali bonwabile ngoba ukudlalela indebe yinto ekhethekileyo futhi ukuphumelela iindebe yeyona nto efunwa ngabadlali bonke.
"Sivale isizini egqithileyo siphoxekile ngoba asifumananga nto kuyo. Kufanele lo nto isinike amandla okwenza umsebenzi ngendlela ebhetele," utshilo uBarker owakhe waphumelela indebe yeBP Top 8 esengumdlali weWits University eyabetha iKaizer Chiefs eminyakeni engamashumi amathathu eyadlulayo.