Ezemidlalo

MTN8: uAbdeslam ulwela ukwenza imbali kwiPirates!

Pedro Mapelo|Published

UAbdeslam Ouaddou uphakathi kwamagosa ePirates onzakeleyo kwiintsuku ezidlulileyo.

Image: Itumeleng English/Independent Media

Amehlo wabantu aza kube eseNelspruit – apho kuza kube kudlalelwa khona umdlalo wokugqibela weMTN8 ngempelaveki. Kulindeleke kwenzeke imbali xa kudibana iOrlando Pirates neStellenbosch FC emdlalweni ongentsimbi yesithandathu ngorhatya ngoMgqibelo, eMbombela Stadium.

Umdlalo ubaluleke kuwo omabini amaqela ngoba afuna ukubhala iincwadi zembali ngokutsha. IPirates iza kulwela ukugcina indebe yeMTN8 ityeli lesine. Kanti yona iStellenbosch ifuna ukuyiphakamisa okokuqala emva kokuyiphosa kunyaka ogqithileyo.

Ngaphezulu koko, kukho uAbdeslam Ouaddou oyifuna shushu indebe ukuze akwazi ukubethelela igama lakhe kwiintliziyo zabalandeli bePirates. Unethuba lokucangcatha emzileni oshiywe nguJose Riveiro owafika engaziwa nganto njengaye – kodwa wahamba eliqhawe ngenxa yokuphumelela iMTN8 Cup.

IPirates idibana neStellenbosch esenomsindo emva kokubethwa ngendlela engancumisiyo kunyaka ophelileyo emdlalweni weMTN8 owadala isankxwe eMoses Mabhida Stadium. IPirates isakhuthazekile ngoba ikwazile ukubetha iStellenbosch ngegowuli likaKamogelo Sebelebele emdlalweni weBetway Premiership kwiiveki ezidlulileyo.

Nangona uAbdeslam namanye amagosa baye bonzakala engozini yemoto kwiveki engaphaya kwephelileyo – kodwa uthe amalungiselelo ahamba kakuhle futhi iPirates iwulungele umdlalo wokugqibela weMTN8. "Wonke umntu uyayazi indlela obaluleke ngayo umdlalo esijongene nawo," utshilo uAbdeslam, obegodle ingalo, ethetha neentatheli.

"Amalungiselelo wethu ahamba kakuhle futhi iingqondo zethu zisemdlalweni weMTN8. Sijongene nomdlalo obalulekileyo kakhulu," utshilo uAbdeslam. "Asiyi emdlalweni sidelela kuba siphumelele kunyaka ophelileyo.

"Lo ngomnye umdlalo, siya sizimisele ngoba sidibana neStellenbosch esemgangathweni ophezulu. Ndiyaziqhenya ngokufika kwisigaba sokugqibela seMTN8 emva komsebenzi omhle owenziwe ngabadlali," utshilo uAbdeslam oncome abasebenzi besibhedlele awangeniswa kuso emva kwengozi.