UMasomelele Jucwa uza kuphakela abalandeli bombhoxo kuSuperSport TV umdlalo weCurry Cup ophakathi kweGolden Lions neGriquas ngomso emalanga.
Image: Uthunyelwe
Abalandeli bombhoxo baza kube bethe ntsho amehlo wabo xa iGolden Lions ithathana neGriquas emdlalweni wokugqibela weCurry Cup oza kudlalelwa kwibala elinembali etyebileyo ekuthiwa yiEllis Park Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.
Emva kwendlela ende ayihambileyo la maqela, omabini aya emdlalweni ongempelaveki ezimisele ukuphumelela ukuze abhale iincwadi zembali ngokutsha. Ilambe ngakumbi iGriguas ngoba ineminyaka emininzi yagqibela ukuphakamisa iCurry Cup.
Njengayo yonke imidlalo edlalwa ngabantu wangomso, nalo awukho ngabadlali abasebaleni kuphela. Kukho abasasazi bezemidlalo abaphakela uluNtu okwenzekayo ebaleni. Njengokuba amaqela aza kube esenza imbali, naye uMasomelele Jucwa uza kwenza eyakhe indima ngokubeka ilitha ebadlalini abaqaqambileyo nasemdlalweni.
Ethetha neli phephandaba, uJucwa uvakalise uchulumanco emva kokunikwa uxanduva lokuphakela amanxila ombhoxo usasazo olusemgangathweni ophezulu ngolwimi lesiXhosa. "Ngumdlalo obaluleke kuthi sonke lo. Singabasasazi, abadlali nabaqeqeshi - kufuneka siwenze ube yinto enkulu," utshilo uJucwa.
"Kwicala lethu kwezosasazo, ngumdlalo obalulekileyo ngoba ulandela emva kokuba Amabhokobhoko edlale neNew Zealand. Ukuba asingeke sibanike into enesongo, abantu bangawutyhafela lo mdlalo. Kumdlalo ekufuneka siwenze usondele kumdlalo wovavanyo," utshilo uJucwa ongumsasazi weSuperSport TV.
Le ndedeba yaseXolobe, eCofimvaba - kodwa ekhulele eKomani, iza kwenza edume ngazo noogxa bayo kwezosasazo ngoMgqibelo (ngomso). UJucwa uthe yiGolden Lions enamathuba acacileyo okuphakamisa indebe yeCurry Cup emdlalweni wangomso ngenxa yamandla wabadlali nomgangatho wabo ophezulu.
Into ayibaluleyo njengento engangumqobo ebadlali beGriquas kukuba abaqhelananga nokudlalela ebaleni elinabantu abaninzi kakhulu. Kodwa uye wathi ingothusa abantu (iGriquas) ngoba abadlali bayo baza kulwela iqela labo neziqu zabo ngoba baza kub befuna ukubonwa ngamaqela amakhulu. Umdlalo uza kusasazwa ngqo kwiSuperSport Grandstand nakuDStv 201 ukusukela ngecala emva kwentsimbi yesibini emalanga (14:30).