Ezemidlalo

Ukusasaza kuSuperSport yaba kukufezekiswa kwephupha kuMasomelele Jucwa

Pedro Mapelo|Published

UMasomelele Jucwa ubalisa uhambo lwakhe phambi kokuba ngumsasazi wombhoxo kwiSuperSport TV.

Image: Facebook

Unyaka ka2017 soze ucime ebomini bomsasazi wezemidlalo kumabonakude ngoba ngunyaka ekwaguquka ngawo ubomi bakhe. Oku kwenzeka emva kokuba uMasomelele Jucwa waphumelela ukhuphiswano lukaSuperSport TV kulwimi lesiXhosa.

Noxa wayengayazi into eza kwenzeka ebomini bakhe, kodwa into awayeyazi kukuba ufuna umsebenzi osemidlalweni. Ngethamsanqa lakhe, waye wakhethwa nguSuperSport TV phakathi kwenqwaba eyayigacele ithuba lokusasaza umbhoxo ngesiXhosa ethivini.

Phambi koko, wasebenza ebhankini uJucwa – kodwa intliziyo yakhe yayisekusasazeni. "Ukuba ngumsasazi ndandikufuna kakhulu. Ndandisebenza ebhankini eKomani – apho ndikhulele khona," utshilo uJucwa ecacisa indlela yakhe eya kwindawo ekuyo ngoku.

"Ndathi mandizame ukwenza izifundo zonxibelelwano kwezemidlalo kwiyunivesithi yaseJohannesburg. Ndalifumana ithuba lokuzibonakalisa kukhuphiswano lukaSuperSport TV owayefuna umsasazi wesiXhosa," utshilo uJucwa owangena kwicandelo losasazo ngenxa yothando lemidlalo awayeqinisekile ngalo.

Kwakukhona ukuzithemba kuye ngoba wayenalo ilizwi futhi nokubalisa ekwazi – kodwa lalikhona ixhalana ngoba wayesiya endaweni angayaziyo. Njengomntu owayeqala ukusasaza, waqheliswa kwiitumente eziquka neSuperSport Rugby Challenge, iPro 14, iSuper Rugby phambi kokunikwa umdlalo wovavanyo owawuphakathi kweNew Zealand neArgentina.

Uthe akuba yinkwenkwe endala, zangena iimbasa emva kweminyaka embalwa ezenzele igama elihle kusasazo lezemidlalo ngesiXhosa – into eyayiliphupha lakhe esemncinane. Le ndedeba yelali yaseXolobe, eCofimvaba, ithe uhambo lwayo ukusukela ngo2017 ukuya ku2025 kusasazo lombhoxo lube luhle kakhulu.

"Ndiye ndakhula emsebenzini wam ngoba ndincedwe ngabantu endisebenza nabo. Bekufika ukuzithandabuza apha kum – kodwa ndiye ndaziva ukuba ndikhulile kunyaka ophelileyo ndisasaza umdlalo woMzantsi Afrika neIreland. Yayingumdlalo omkhulu kakhulu lowa, endakhupha yonke into endinayo kuwo," utshilo uJucwa ongomnye wabasasazi bombhoxo abasasaza ngolwimi lesiXhosa kumabonakude.