Ezemidlalo

Abafana Bes'thende baquthise iDowns emdlalweni weBetway Premiership

Pedro Mapelo|Published

IGolden Arrows yamkele impumelelo yayo yesibini kule sizini emva kokuba ibethe iMamelodi Sundowns emdlalweni weBetway Premiership namhlanje eKing Zwelithini Stadium.

Image: Mamelodi Sundowns/Facebook

Emva kokungaqhubi kakuhle emidlalweni emihlanu egqithileyo, Abafana Bes'thende baquthise iMamelodi Sundowns ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium namhlanje emalanga.

Ukubethwa kweSundowns ziindaba ezimbi ngoba iphose ithuba lokunyukela kwindawo yokuqala. Kanti bancumile abalandeli beGolden Arrows ngoba itsho yanyukela kwiTop 8 emva kokufumana impumelelo yayo yesibini kwiBetway Premiership kule sizini eqhubekayo.

UMiguel Cardoso uqale umdlalo wanamhlanje ngoPeter Shalulile noJayden Adams. Njengesiqhelo, iSundowns ibiwulawula umdlalo futhi ihlasela kakuhle. Kodwa ekuhambeni kwexesha, iGolden Arrows ilwile yade yafumana igowuli igowuli elifakwe nguJunior Dion ngentloko emva kokufumana ibhola ebikhatywe ngobuchule nguAyabulela Maxwele.

Nangona izamile ukuguqula izinto iSundowns - kodwa iGolden Arrows ibiwavale onke amazibuko. Lo ngumdlalo wokuqala ephulukene nawo iSundowns kule sizini eqhubekayo.

Ukuba iSekhukhune United ikwazile ukuyibetha iChippa United emdlalweni osebusuku namhlanje, ingaqala ukuvula umsantsa obonakalayo ukuba nayo iKaizer Chiefs ayikwazanga ukubetha iMarumo Gallants emdlalweni oseFNB Stadium namhlanje ngorhatya.