Ezemidlalo

Amabhokobhoko alindele iArgentina eyingozi eKings Park Stadium

Pedro Mapelo|Published

Amabhokobhoko aza kuthathana neArgentina emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship emalanga ngoMgqibelo, eKings Park.

Image: Springboks/Facebook

UMzantsi Afrika uya emdlalweni olandelayo uthe qwa. Oku kuvezwe nguTony Brown olisekelamqeqeshi noAndre Esterhuizen phambi komdlalo weCastle Lager Rugby Champiohsip ophakathi kwaMabhokobhoko neArgentina ngentsimbi yesihlanu emalanga (17:10) eKings Park Stadium, ngoMgqibelo.

Ngumdlalo obaluleke kumazwe omabini ngoba onke amaqela (akhuphisanayo) anamathuba alinganayo okuphumelela indebe yeRugby Championship. Asakhuthazekile Amabhokobhoko angcwabe iNew Zealand kowayo kwiiveki ezidlulileyo.

Nangona ukuzithemba kusephezulu kuwo, kufuneka ayilumkele iArgentina ngoba idlala kakuhle kakhulu. Ukuphumelela yomibini imidlalo eshiyekileyo kungawunceda uMzantsi Afrika kwilinge lawo lokukhusela indebe yeRugby Championship oyiphumelele kunyaka ophelileyo.

"Indlela esidlale ngayo neNew Zealand emdlalweni obuseWellington ibintle kakhulu - kodwa iArgentina yahluke kakhulu. Ikwazile ukubetha iNew Zealand neAustralia emidlalweni egqithileyo. Ukuba asiyi emdlalweni sizilungisile iingqondo zethu, siza kusokola," utshilo uBrown ekuqaleni kweveki.

URasse Erasmus ugqibe kwelokuba abagcine abadlali aboyise iNew Zealand emdlalweni odlulileyo. "Kubalulekile kuthi ukuba nesicwangciso somdlalo esicacileyo. Sikwazile ukudlala umbhoxo oncomekayo emidlalweni edlulileyo, sifuna ukwenza kakuhle nakulo siya kuwo.

"Kufuneka siwasebenzise kakuhle amathuba avelayo emdlalweni," utshilo uEsterhuizen. Uvumile ukuba iArgentina iqhuba kakuhle kwaye kufuneka Amabhokobhoko avelise umsebenzi osemgangathweni ophezulu kude kuphele umdlalo.

"Kunyaka ophelileyo, iArgentina ikwazile ukuwabetha onke amaqela edlala kwiRugby Championship. Kulo unyaka sele ibethe amabini. Lo nto ithetha ukuthi iArgentina iyingozi. Kusolo kuba nzima ukudlala nayo iArgentina ngoba lilizwe eliwuthandayo umdlalo wombhoxo.

"Ndicinga ukuba umdlalo uza kuba nzima. Iqela elakusebenzisa amathuba walo linethuba lokuphumelela umdlalo," utshilo uEsterhuizen ethetha neentatheli. Yena uBrown ulebele ngokuncoma umsebenzi owenziwa nguFelipe Contepomi oqeqesha iPumas.