Ezemidlalo

IKaizer Chiefs kufanele iye emidlalweni ikhaliphile, utshilo uKaze!

Pedro Mapelo|Published

Amakhosi adlulele phambili kwiCAF Confederation Cup emva kokuba ebethe iKabuscorp ngempelaveki egqithileyo.

Image: Kaizer Chiefs

UCedric Kaze uzamkele ngovuyo iziphumo ezifunyenwe yiKaizer Chiefs emdlalweni ogqithileyo - kodwa wabethelela ukubaluleka kokudlala ngendlela ethile njengokuba isiya phambili.

Oku ukuvakalise emva kokuba iChiefs ibethe iKabuscorp ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eFNB Stadium ngempelaveki edlulileyo. Amakhosi aphumeleleyo aye abambana neKabuscorp eyayiphumelele ngegowuli elinye emdlalweni wokuqala eLuanda. Kuyiwe kwiipenela, iChiefs yaphumelela ngo'5-4 yadlulela phambili.

Igowuli ephumelele ngalo iChiefs lifakwe nguGlodly Lilepo kwisigaba sokuqala. Kube kuhle ukuphumelela kweChiefs ngoba kuyinike ithuba lokuya kumjikelo wesibini. UKaze uvumile ukuba Amakhosi adlale ngoloyiko emdlalweni ebekufanele ukuba awusonge kwangoko.

Nangona kube njalo, uwamkele ngovuyo umtsi owenziwe liqela ngoMgqibelo odlulileyo. "Yah, umdlalo wethu ubumhle. Ndicinga ukuba bekufanele ukuba sikhawuleze sawusonga umdlalo ngoba ibhola ibikuthi kwisigaba sokuqala. Gqiba umdlalo xa ithuba livela - kodwa siye kwiipenela. Sithethile ngokubaluleka kokubambelela kude kuphele umdlalo," utshilo uKaze ethetha kwiSABC Sport.

Isiqalo seChiefs khange sincumise ngoba ibuye isophisa eAngola apho ibethwe ngegowuli elinye. Yabuyela ekhaya yaphinda ayaphumelela phakathi evekini. "Impumelelo yeyabadlali futhi siyavuyisana nabo. Kwisigaba sesibini ndicinga ukuba besinayo indawo ebuthuntu futhi ebekhona amaxesha esibonakele sisoyika ngawo.

"Loo nto ibimbi ngoba iyiphazamisile indlela esidlale ngayo. Okusonwabisayo kukuba wonke umntu owenzile umsebenzi futhi sivuyela ukuya kumjikelo olandelayo. Kufanele sidlale ngokuzithemba nokukhalipha okukhulu emdlalweni elandelayo," utshilo uKaze emva komdlalo.

Amakhosi aza kwamkela AmaZulu emdlalweni olandelayo weBetway Premiership ngorhatya ngoLwesithathu wale veki. Kunyanzelekile aphumelele ukuze angashiywa ngamaqela asentla kwawo emva kwemidlalo ebingempelaveki edlulileyo.