Ezemidlalo

UCanan Moodie uthi Amabhokobhoko akakawugqibi umsebenzi

Pedro Mapelo|Published

UCanan Moodie uthi iingqondo zabadlali boMzantsi Afrika zisemdlalweni olandelayo.

Image: Springboks

Umdlali ophambili embhoxweni, uCanan Moodie, uthi alikafiki ixesha lokuvuya ngoba uMzantsi Afrika usenomsebenzi onzima phambi kwayo.

Oku ukuthethe emva kokuba Amabhokobhoko evuthulule iArgentina ngo'67-30 emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship obunzima eKings Park Stadium ngempelaveki egqithileyo. Impumelelo ibeke uMzantsi Afrika kwindawo ephezulu kwiRugby Championship emva kokuqokelela ishumi elinesine lamanqaku.

Njengokuba uMzantsi Afrika useza kuswantsulisana ne'Argentina kwakhona eAllianz Stadium, eTwickenham, emdlalweni wokugqibela, uMoodie uthe usemninzi umsebenzi ofuna ukwenziwa.

Kwelinye icala, iNew Zealand iza kuzama ukuntywilisela iAustralia emdlalweni oza kujongwa ngamehlo abomvu emdlalweni wokuqala ngoMgqibelo. UMzantsi Afrika uya emdlalweni ozayo ukhuthazekile ngoba uyifumene ibhonasi kwiPumas emdlalweni ogqithileyo.

"Indebe yeRugby Championship ayikaphunyelelwa," utshilo uMoodie emva kokuphumelela kweSpringbok. "Siyazi sonke ukuba kusekho umsebenzi ofuna ukwenziwa. Okwethu kukuqhubela phambili nokusebenza ngokumisela ngethemba lokuba siza kuqhuba kakuhle xa sidibana neArgentina kwakhona," utshilo uMoodie.

Ngokufanayo nakwiveki ephelileyo, kulindeleke ukuba iArgentina izilwele. Izamile kakhulu kwiveki ephelileyo - kodwa ngelishwa layo, idibene noMzantsi Afrika ukhuthazekile emva kokubethela iNew Zealand ekhaya.

"Sineenkumbulo ezimnandi ngeTwickenham - kodwa asizimiselanga ukuyidelela iArgentina. Iza kuza kuthi ikelemile ngoba iArgentina idlala umbhoxo ngenkulu intshisakalo. Kubalulekile ukubeka iingqondo zethu emsebenzini wethu ukuze sikwazi ukwenza umsebenzi ofunekayo ngoMgqibelo," utshilo uMoodie phambi kokuncoma uSacha Feinberg- Mngomezulu owenze imbali emdlalweni ogqithileyo.

Ufumene iitrayi ezintathu eyedwa, emva koko wanika uMzantsi Afrika amanqaku angamashumi amathathu anesixhenxe emdlalweni ogqithileyo.

"Iyamangalisa into ayibonise yona. Bekubonakala ukuzithemba kwakhe futhi kuhle ukumbona efumana iitrayi. Emdlalweni siyakhuthazana noSacha," utshilo uModdie oncome nabanye abadlali abenze umsebenzi omhle emdlalweni obuseThekwini.