Ezemidlalo

Ifince amashumi amabini anethoba iKhulani Boxing Club yaseMthatha

Pedro Mapelo|Published

UMthetho Dumezweni ethetha emsithweni weKhulani Boxing Club efince iminyaka emininzi iphuhlisa iimbethimanqindi ezikhulayo eMthatha.

Image: Uthunyelwe

Esinye sezitali zamanqindi ezidala kwiphondo leMpuma Koloni, iKhulani Boxing Club, sigqibe iminyaka engamashumi amabini anethoba ngokufaka imfundiso ngobomi.

Yindlela ende kakhulu ehanjwe liziko lophuhliso elikhokelwa nguMthetho Dumezweni asuka nalo ekusungulweni kwalo eMthatha. UDumezweni uxelele amajelo eendaba kwiintsuku ezidlulileyo ukuba iKhulani Boxing Club izamile ukulenza elayo igalelo kuphuhliso lomdlalo wamanqindi nakubeni ingenawo amandla kwicala lezimali ngenxa yokunqaba kwenkxaso.

Ukuthethe oku emsithweni obubanjelwe kwilokishi yaseNgangelizwe, eMthatha - apho bekuququzelelwe khona itumente yeembethimanqindi ezisafufuzayo. "Asiqali ukubhiyozela iminyaka emininzi siliqela. Kunyaka ophelileyo sikhethe ukungabinayo imilo yamanqindi.

Endaweni yemilo, sabizela iimbethimanqindi zethu ndawonye sazifundisa ngobomi nezinto eziza kudibana nazo endleleni," utshilo uDumezweni phambi kokubalisela iintatheli indlela ehanjwe liqela lakhe emdlalweni wamanqindi onzonzayo ngenxa yokuswela inkxasomali.

"Kunyaka ophelileyo siye sagqiba kwelokuba sisungule iphulo lokuxhobisa iimbethimanqindi zethu. Sinabantwana apha abaphuma emakhayeni asokolayo kakhulu. Abanye abantwana baya ezikolweni benganxibanga zihlangu.

"Luxanduva lethu ukuqinisekisa ukuba banikwa umkhombandlela ocacileyo ngobomi," utshilo umphathi weKhulani Boxing Club emva komcimbi obuzinyaswe ngabantu abadala eNgangelizwe. Eminyakeni esondele kumashumi amathathu, uDumezweni uzingomba isifuba ngeembethimanqindi ezitshatsheleyo eMzantsi Afrika nakwihlabathi.

Phakathi kweembethimanqindi ezithe zatshatshela kumaqonga ehlabathi kukho uSikho Nqothole, Akhona Joyi noSiphiwe Khonco. "Kungatshona ilanga xa unobala abantwana abaphuma apha eMthatha abaphuma kule ndawo yethu.

"Asimanga, siqhubela phambili nokuphuhlisa abaqeqeshi abatsha, oosompempe neembethimanqindi," utshilo uDumezweni phambi kokubulela bonke abantu namashishini athe enza itheko leqela lakhe layimpumelelo.