USiya Kolisi uza kukhokela Amabhokobhoko emdlalweni obalulekileyo eTwickenham ngoMgqibelo.
Image: Springboks/Facebook
Iqela lesizwe loMzantsi Afrika embhoxweni liya emdlalweni linethemba lokuzuza impumelelo engalinceda likhusele indebe yalo. Amabhokobhoko abila esoma phambi kokunyathelana neArgentina emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship oza kube ubanjelwe eAllianz Stadium, eTwickenham, ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.
Ngumdlalo obalulekileyo kuwo omabini amaqela njengokuba ingowokugqibela kwiRugby Challenge eyaphunyelelwa nguMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo. Noxa Amabhokobhoko esiya emdlalweni ekhuthazekile emva kokuvuthulula iArgentina ngo'67-30 emdlalweni wokuqala eKings Park Stadium, eThekwini, kwiveki ephelileyo - kodwa umdlalo ongempelaveki ngowona oza nobunzima.
Kulindeleke ukuba iintshatsheli zehlabathi zidlale phantsi koxinizelelo ngoba iArgentina iza kungena emdlalweni inomsindo emva kokubethwa kakubi kogqithileyo. UGrant Williams noNche (Ox) obenzakele baza kuqala umdlalo logama uJesse Kriel noBongi Mbonambi beza kuba ngamalalela.
USacha Feinberg-Mngomezulu, owenze ezibukwayo emdlalweni wokuqala, uza kuqala umdlalo kwakhona eTwickenham. URassie Erasmus uvumile ukuba iPumas iza kubuya ngamandla emdlalweni wesibini.
"Lo ngumdlalo wokugqibela kuthi futhi siyabazi ubungozi enabo iArgentina. Sikhethe abadlali esicinga ukuba balungele umdlalo," utshilo umqeqeshi weSpringok. Uthe zimbalwa iinguqu ezenziweyo ngoba ukuxutywa kwabadlali abanamava nabatsha yeyona nto efunekayo emdlalweni wokugqibela kwiRugby Championship.
"Kwiveki ephelileyo, iArgentina ibidlalela ukuphumelela indebe. Njengokuba ingakwazanga ukufumana iziphumo ezincumisayo, iza kuzama ukwenza izilungiso emdlalweni olandelayo. Silindele iPumas eza kulwa macala onke.
"Ingangabinawo amathuba okuthatha indebe - kodwa siza kudibana neqela elibethe iNew Zealand, iAustralia neBritish & Irish Lions kule sizini. Ingayinto enkulu ukubetha thina phaya kwiArgentina.
"Into esifuna ukuyenza thina kukuphumelela imidlalo emibini ilandelelana. Singayenza lo nto ukuba sibeka iingqondo zethu kude kuphele umdlalo," utshilo uRassie.