URaymond Mdaka usenalo ithemba lokuba Amajita aza kuqhuba kakuhle emidlalweni elandelayo.
Image: BackpagePix
Umqeqeshi weqela lesizwe loMzantsi Afrika (SA Under-20), uRaymond Mdaka, unethemba leziphumo ezincumisayo emidlalweni elandelayo. Amajita aguqiswe phantsi ngamagowuli amabini kwelinye yiFrance emdlalweni wetumente yehlabathi obusekuqaleni kwale veki eChile. Ngoku uMzantsi Afrika ulungiselela ukuthathana neNew Caledonia emdlalweni wesibini kuGroup E. Kwelinye icala, yona iMelika (United States of America) ibethele oogqirha nezicaka iNew Caledonia ngemvula yamagowuli alithoba kwelinye.
Emva kokuvavanywa yiFrance emdlalweni wokuqala, kunyanzelekile ukuba Amajita akhuphele umsindo wawo kwiNew Caledonia ekubonakala ngathi iza kuba ligubu lawo onke amaqela akuGroup E. "Xa ubethwe emdlalweni wakho wokuqala, uye ujonge ukuba kwenze ntoni komnye umdlalo. Siya emdlalweni wesibini sinoxinizelelo - kodwa ke siyazi ukuba iziphumo zibalulekile," utshilo uMdaka. Imidlalo emibini elandelayo ibalulekile kuMzantsi Afrika ngoba yiyo enokuwusa phambili kumjikelo olandelayo kwitumente yehlabathi.
"Sishiyeke nemidlalo emibini kwemithathu. Ndicinga ukuba lisekhona ithuba lokuya phambili," utshilo uMdaka oncede Amajita aziintshatsheli zeAfrika ekuqaleni kwalo nyaka. "Siye emdlalweni sibulindele ubunzima kwiFrance enabadlali abasemgangathweni ophezulu. Ngelishwa asikwazanga ukwenza umsebenzi ngendlela ebesicwangcise ngayo emdlalweni. IFrance siyinike umhlaba omkhulu wokudlala ebaleni. Ndonelisekile kodwa yindlela azame ngayo Amajita. Sifundile kwiimpazamo zethu. Besingazifuni iziphumo esizifumeneyo ngoba sifuna ukuzuza emdlalweni ngamnye," utshilo uMdaka.
Amajita aza kudibana neNew Caledonia ngentsimbi yokuqala ebusuku ngoLwesihlanu aphinde adibane neMelika emdlalweni ongeCawa.