uAbdeslam Ouaddou ethetha neentatheli phambi komdlalo weCarling Cup ophakathi kwePirates neSiwelele FC.
Image: Itumeleng English/ Independent Newspapers
Njengokuba kuqala iCarling Knockout Cup, onke amaqela abhinqe omtshana ngoba afuna ukuqhuba kakuhle kuyo. Phakathi kwaloo maqela yi'Orlando Pirates isakhuthazekileyo emva kokuthatha iMTN8 Cup kwinyanga ephelileyo. Ayiqhubi kakuhle kwiCarling Cup - kodwa uAbdeslam Ouaddou uxelele iintatheli ukuba iqela lakhe liza kudlalela ukuphumelela. Kwisizini edlulileyo iPirates yakhutshwa kusaqalwa yiMagesi FC eziintshatsheli ezikhuselayo kulo nyaka. Ezimnyama ziza kuswantsulisana neSiwelele FC ngentsimbi yesithathu emalanga namhlanje eSoweto.
Umqeqeshi ubethe ngenqindi phantsi ngelithi iPirates iza kuzimisele kwiCarling Knockout Cup. "Into endifuna ukunixelela yona kukuba siza kuzimisela ngoba sifuna ukuya kumjikelo olandelayo. Yindebe ebalulekileyo kuthi le. Siza kuzama ukudibanisa iqela elomeleleyo," utshilo uAbdeslam ethetha neentatheli. Ekuqaleni kwesizini eqhubekayo, abantu abaninzi bebemthandabuza uAbdeslam - kodwa izinto ziye zaguquka emva kokuphumelela iMTN8 nokungabethwa emidlalweni esixhenxe ilandelelana.
Ude wahamba uJose Riveiro engenzanga kakuhle kwiCarling Knockout - kodwa yena uzimisele ukwenza ngcono kuyo. Akafunanga ukuthetha ngabadlali anokubadlalisa emdlalweni wanamhlanje. "Andingomntu ocinga ngabadlali abathile. Xa uqeqesha iqela elikhulu, indlela yokwenza izinto iye yahluke kweziqhelekileyo. Sinabadlali, andinabadlali abathile abafanelwe kukudlala. Siphumelela ngabadlali abasebaleni - kodwa indebe siyiphumelela siliqela," utshilo uAbdeslam waseMorocco ngokuzalwa.