Amakhosi ayophisa emva kokukhutshwa kwiCarling Knockout Cup.
Image: KC Media
Bagoduke bephoxekile abalandeli beKaizer Chiefs emva kokubethwa yiStellenbosch FC kwiipenela emdlalweni weCarling Knockout Cup obubanjelwe eCape Town Stadium namhlanje ngorhatya.
Kuye kwanyanzeleka ukuba umdlalo uye kwixesha elongezwe ngusompempe emva kokuba umdlalo uphele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Njengesiqhelo amaqela asukelene umdlalo usaqala.
Khange kubekho qela elikwazileyo ukudala amathuba acacileyo noxa Amakhosi ezamile ukukhabela ezipalini. Isigaba sesibini besahlukile kancinci ngoba amaqela anyuse umxakatho kwisigaba sesibini. Zenziwe iinguqu macala omabini - kodwa akwanceda nto.
Igqibe umdlalo ingaphelelanga kwakhona iStellenbosch emva kokuba umdlali wayo efumene ikhadi elibomvu. Kodwa uStephen Sage uye wayinceda ngokuvala iipenela ezimbini ezithathe iqela laseNtshona Koloni laya phambili. Emva kokubethwa yiChiefs emidlalweni emininzi, iStellies iziphindisele.