Amabhokobhoko ziintshatsheli kwakhona emva kokubetha iArgentina.
Image: Facebook
Emva kowona mdlalo obunzima kule sizini, uRassie Erasmus noSiya Kolisi, bawaqhwabele izandla Amabhokobhoko enze imbali ngempelaveki egqithileyo. UMzantsi Afrika ubethe iArgentina idlokova ngo'29-27 emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship obubanjelwe eAllianz Stadium, eTwickenham, eNgilane.
Ibikokokuqala uMzantsi Afrika uphakamisa indebe yeRugby Championship iminyaka ilandelelana. Yinto enkulu kuRassie nabadlali bakhe abakwazizo neentshatsheli zehlabathi amatyeli elandelelana.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla ehamba emva kwiArgentina ekhokele ngo'15-13 kwesiqingatha ebesisibi kakhulu. Okubalulekileyo ngoku kukuba akwazile ukulwa Amabhokobhoko edlala neqela elomeleleyo.
"Ndonelisekile ziziphumo zomdlalo ngoba sikwazile ukuphumelela indebe iminyaka ilandelelana. Yinto enkulu kakhulu kuthi le noxa umdlalo wethu ubungagqibelelanga. Ndikhetha ukufunda kwiimpazamo zethu siyiphumelele yona imidlalo kunokuphulukana nayo," utshilo uRassie Erasmus ethetha ngomdlalo weqela lakhe.
"Sisendaweni entle njengokuba kusondela ixesha lokuthelekiswa kwamaqela aza kudlala kwitumente yehlabathi. Ngaphezulu koko sisalindelwe yimidlalo emihlanu enzima futhi usemninzi nomsebenzi ofun' ukwenziwa.
"Enyanisweni siyabhiyoza ngoba besidlala neArgentina ebethe iAustralia neNew Zealand kuli nyaka. Besisazi kakuhle ukuba iza kuza kuthi ingonyamile. Sifumene ikhadi elityheli kwisigaba sokuqala - kodwa siye salwa ngamandla," utshilo umqeqeshi encumile emva komdlalo.
UKolisi waleke umsundulo ngelithi bebesazi ukuba iArgentina iza kuza kubo izimisele kakhulu emdlalweni wesibini. "Kuye kwanyanzeleka ukuba silwe ngamandla. Into elahluke ngalo iqela lethu kukuba liyakwazi ukullwa kude kuphele umdlalo.
"Eli qela liwenzele umsebenzi omkhulu uMzantsi Afrika futhi ndiyaziqhenya ngomntu wonke. Ndiyabancoma abaqeqeshi ngoba basoloko besiza neendlela ezintsha zokwenza izinto.
"Kunzima kwiRugby Championship, ukuyiphakamisa kabini yinto enkulu kuthi. Siyayibulela inkxaso esiyinikwa ngabalandeli ebaleni nasekhaya," uvale ngaloo mazwi uKolisi.