Ezemidlalo

UCedric Kaze ucacisa okwenzeke kuNtwari ongafunanga ukuphuma ebaleni

Pedro Mapelo|Published

No respect: UFaicre Ntwari ugolozile izolo akafuna tu ukuphuma ebaleni ngethuba kuqhuba umdlalo weCarling Knockout Cup.

Image: BackpagePix

Amakhosi azikhotha amanxeba emva kokuba ekhutshwe yiStellenbosch FC kwiipenela emdlalweni weCarling Knockout Cup obubanjelwe eCape Town Stadium emalanga ngeCawa edlulileyo. Oku kulandele umdlalo oye waphela amaqela ebambene ngeqanda.

Usompempe uphinde wongeza amashumi amathathu emizuzu nalapho akwabikho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Nangona kungekho qela elikwazileyo ukufaka amagowuli kwixesha lomdlalo - kodwa iKaizer Chiefs ikwazile ukudala amathuba ambalwa.

Kodwa eyona nto edale isankxwe kokwenzeke phakathi kwabaqeqeshi nonozinto wabo, uFiacre Ntwari. Kuthe xa kushiyeke umzuzu kuyiwe kwiipenela, abaqeqeshi baxelele usompempe ukuba bafuna ukukhupha uNtwari bafake uBruce Bvuma.

Uye akavuma ebonakala emangalisekile ebusweni. Baye bancama bamyeka wabamba ipenele - kodwa iChiefs iye yaphoxwa kukuphosa iipenela ezimbini. Emva komdlalo, isekela mqeqeshi liye lazama ukucacisa okwenzekile ebuzwa ngumsasazi weSuperSport TV.

"Ndicinga ukuba izinto ezifana naleya yenzekileyo zizinto ekufanele sithethe ngaphakathi eqeleni," utshilo uKaze emva komdlalo obubukelwe ngabantu abaqele ngaphaya kwamashumi amane anesihlanu amawaka eCape Town Stadium.

"UNtwari uthe kuthi uzithembile phambi kokukhatywa kweepenela. Noko ibingasinto embi. Kodwa sakubuya sithethe ngezinye izinto. Ngoku siyaphuma apha ngoba kufuneka silungiselele imidlalo elandelayo," utshilo uKaze. Amakhosi aza kwamkela iSiwelele FC emdlalweni weBetway Permiership kwiveki ezayo.